Ubuxoki nenyani, kulunge yiphi?

Akukho mntu umbi kwawakhe amehlo. Wonke ubani uyabukeka kwaye uyathandeka kweyakhe ingqiqo.

Umntu unempahla athi xa eyinxibile kuthi makahlale phambi kwesibuko ubusuku nemini, ekholisiwe kukuba akukho nzwana nanzwakazi yadlula yena ngomfaneleko ehlabathini.

Ungakholwa na ke xa ndinokukuxelela ukuba ngamampunge lawo; umbi? UNgakholwa kukuba kanye ezo nto zexabiso uthi xa uzinxibile uphelelwe sisibunu zezona zikuphoxa nangakumbi?

Akungeni moya phakathi kwakho nomyeni wakho. Akukho nto angakwenzeli yona ekukholisayo.

Iindawo uzihambile, wadla ulala kwiihotele zikanokutsho, konke ukwenzelwa ngumyeni wakho ukomeleza ubudlelane benu.

Umyeni wakho uva ngawe, nekokwenu ulihoyile kwaye akakhathelele kunyenjwa ngokusebenzela ebukhweni, nje ukuba wena wonwabile yiloo nto akanangxaki. Izibhambathiso namaxesha ommisele wona uwahloniphile kwaye uyawabamba. ‘Nguwe isitelingi!’

Ungakholwa kukuva ukuba kukho mntu wumbi akwenjenjalo ukumthanda nokumaneza?

Uzalise indlu ngabantwana. Unezigelekeqe zoonyana abaza kungena ezinyaweni zakho lingacimi igama lakho.

Uneentombi eziziintyatyambo zomzi wakho nekukho phakathi kwazo umafungwashe wakho. Abantwana bakho bakufuze akukho nendawo, bathathile nakooyihlo noobawokhulu ngemfuza.

Bakuthanda akuhli nobuthongo kubo xa ungekho phakathi kwekhaya, nawe akonwabi ngaphandle kwabo.

Ungakholwa kukuva ukuba akukho namnye ungowelakho isende kwabo bantwana; yimigqakhwe?

Intombi yakho eneshumi elinesithandathu leminyaka ubudala ngumntwana ozolileyo nothandekayo.

Akayifuni into embi kwaye usoloko esesondweni kunina ngokuthanda imisebenzi yasekhaya. Nguntombikayise othi mhla unina asathathe uhambo olude alale kuyise.

Umsebenzi wesikolo uwukhuthalele kwaye uqhuba kakuhle ezifundweni zakhe.

Amaqonga onxibelelwano abatsha akawazele nto, wena feyisibhuku nawe wathsaphu akwaziwa. Iselula yakhe ngutilili orhuqa phantsi nocofwa nangubani na phakathi kwekhaya.

Akukho nto ungamfundisiyo ngayo ngezobutsha nanjengoko ekwelo khabathiso, kwaye uhlala ekuqinisekisa ukuba wozila konke ekufuneka ekuzilile ngokweemfundiso zakho. Ungakholwa kukuva ukuba intombi yakho ingawabala kuzale isandla amakhwenkwe esele ibe nawo?

Ufumene into yexabiso ‘ilahlile’ ukubhabhela oku; uyifumene ngexabiso eliphantsi kakhulu kunelo ubunokuyifumana ngalo kwenye indawo.

Wonke umntu osele udibene naye akakholwa xa umxelela ixabiso oyifumene ngalo. Kungakukhola ukuva ukuba uqhathiwe ngandlela ithile, enokuba kukumgangatho okanye kwixabiso uqobo?

UDlamini yindoda esasiqabana imiqolo; singoosaluka. Kwasekukhuleni kwethu besingumtya nethunga, kungangeni moya phakathi kwethu kwaye ungena kuthetha nto imbi ngomnye komnye angayazi loo nto. Silwe amadabi amabi kunye, engumsimelelo nekhaka lam, mna ndiyintonga yakhe yasekhosi.

Akukho mfihlelo yakhe ndingayaziyo, naye ngokunjalo kwezam. Ndiphitshwa nguye, ndimonwaye umhlana. Xa ndikude nekhaya izinto zam ziba sesandleni naselisweni lakhe, namawethu eve ngaye. Ungakholwa kukuba kuhleliwe nje undidla izithende? Uninzi lwezinto zam ezithi zingalungi, ndizisebenza naye ke phofu, kungenxa yakhe?

Makuthiweni ke bethu kwiimeko ezinje?

Ukho onokukholwa zezi nyani? Uke wathi ke kambe okaMntubu kwincwadi yakhe yamabali, “makungathenjwa mntu!” Sibe njani ke kukuphila ubomi bokungathembi?

Akukho nto ndiyithiye ngathi bubuxoku nobuxelegu, kodwa ukungayazi eyona nyani kwezi iimeko isingathi kokona kulungileyo. Ngethuba ndingazazi ezi nyani ndibe ndilungile, kodwa ndakube ndifumene eyona nyani ndibubona ubomi bam bufikelele esiphelweni.

Ukuba ndisindile ekuzidubuleni ndibulale nabanye abachaphazelekayo, andusinda kwihayihayi nakwiswekile, wena sitrokhu nesifo sentliziyo!

Inyani, ubuxoki, kulunge yiphi na bafondini kwezi meko? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.