Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini

Uloliwe wakwaShosholoza Meyl.

Zifike ngexesha elilo iindaba zokuba uloliwe obaleka phakathi kweKapa neRhawutini wakwaShosholoza Meyl ephantsi kwe Passenger Rail Agency of South Afrika (PRASA) iqalise ukusebenza. Lo loliwe wayeka ukusebenza kwisithuba seminyaka emithathu eyagqithayo ngenxa yobu athalala babaphathi.

Oku kwabeka engxakini amawaka waka wabakhweli baka loliwe eMzantsi Afrika. Ingxelo ekhutshwe ngabakwaShosholoza Meyl iqinisekise ukuba ngenene baqalile ukuhamba oololiwe babo phakathi kweKapa neRhawutini, nalowo usuka eRhawutini usinge eThekwini.

Ngenxa yokutyiwa kweenkampani zikaRhulumente ngabaphathi abaphuma kumbutho ophetheyo, abantu bazibona bengenabo oololiwe bokutyelela amakhaya abo.

Ngaphandle kokuba bebuyile abakwaShosholoza Meyl, bakwabuye nesisombululo kwingxaki yamaxabiso ebangela ukuba abantu bangakwazi kuhambela amakhaya abo.

Ingxelo ekhutshwe nguPRASA ithi ixabiso letikiti labo ukusuka eKapa ukuya eRhawutini ngamakhulu amane anesiqingatha eerandi.

Oku kothula ngamandla umthwalo kumagxa abakhweli abasoloko bexhomekeke kwizithuthi zikawonke wonke ukuze bakwazi ukufika emakhayeni abo.

Ukonakaliswa koololiwe, ukubiwa kweentambo nezinye iingxaki ngunobangela wokunqaba okanye ukuyeka kwabaloliwe ukuhamba.

“Ukubuyisela oololiwe abahamba kuzwelonke yinxalenye yokuzimisela kwethu ukuqinisekisa ukuba abantu belizwe loMzantsi Afrika bayakwazi ukufika kwiindawo abafuna ukuya kuzo,” kutsho uPRASA.

Ngaphandle kokuthutha abakhweli iShosholoza Meyl ikwancedisa ukuthutha imithwalo efana nezithuthi ukusa abakhweli emakhayeni abo.

“Ukuthutha kwezithuthi ezinje ngeemoto ukuba zikhwele kuloliwe lelinye lamacebo okuphungula iingozi zendlela, sikwabonakalisa ukukhathalela abakhweli bethu ngoku njalo,” kutsho uPRASA.

Kuthiwa uloliwe obaleka phakathi kweRhawutini neKomani uzakusebenza kungekudala kuquka nalowo uhamba esinge eMesina. Ukubuya kwaba loliwe uncedisana ngokucacileyo neentsapho ezingathathi ntweni kweli ukuze zikwazi ukuhamba zikhuselekile endleleni.

Uloliwe wokuqala ongene endleleni esuka eRhawutini ukusinga eKapa ugqibezele uhambo ngokukhwelisa abantu ebhasini ngenxa yeengxaki abadibene nazo zokuqhawuka kweentambo zombane ezisetyenziswa nguloliwe.

Kukho abo bangasakwazi ukuza emakhayeni abo ngenxa yokunyuka kwamaxabiso amafutha, okutya nezinye izinto abazidinga kakhulu.