ULubabalo Oscar Mabuyane uphinde wonyulwa njengeNkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni isihlandlo sesibini ngoLwesihlanu.
Oku kungezantsi kucatshulwe kwintetha kaMabuyane.
UMabuyane ebefungiswa ngoLwesihlanu kwanamanye amalungu angama72 eBhisho.
“Sigunyaziswa nguMgaqo-siseko weli lizwe loMzantsi Afrika ukuba sidibane kule Ndlu sizokuseka iPalamente yesixhenxe yabantu baseMpuma Koloni, emva kolonyulo esisuka kulo kwinyanga ephelileyo kaCanzibe.
“Olu nyulo luphunyelelwe ngumbutho weSizwe iAfrican National Congress (ANC) ngomyinge ka62%. Lonto ithetha ukuba abantu beli phondo bathi bayawubona umsebenzi omhle owenziwe yiANC wokwakha ubomi obungcono kule minyaka mihlanu idlulileyo.
“Ngamanye amagama, namhlanje sisiqalo esitsha kuba sifungise amalungu amatsha ale Ndlu, sonyula uSomlomo omtsha, uSekela Somlomo neNkulumbuso yePhondo lethu leMpuma Koloni.
“Ndinenyweba ekhethekileyo ke mna ndinguLubabalo Oscar Mabuyane yokuba umbutho weSizwe iANC ukhethe mna ukuba ndonyulwe yile Ndlu ndibeyiNkulumbuso yeli phondo leMpuma Koloni isihlandlo sesibini. Ndithobekile kukuthenjwa okuboniswe ngumbutho wam ukuba ndixhuzule imikhala.
“Ilizwi lokuqala mandilibhekise kubemi beli phondo, ndibulele indlela enesidima nesithozela abathathe ngayo inxaxheba kulonyulo esisuka kulo,” uthethe watsho uMabuyane.
Kukwakho nabaphathiswa abatsha kraca kula malunga matsha.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!