Ubuyiselwe umbane koomasipala bephondo

IQUMRHU elinkinkisha ngombane kweli, * -Eskom liphinde lawubuyisela umbane koomasipala beMpuma Koloni.

Eli qumrhu licime umbane kwaba masipala izolo emva kokwehlulakala kwabo ukuhlawula imali abayityala * -Eskom nebalelwa kwi-R173 yezigidi zeerandi bedibene.

Aba masipala yiNxuba, Ikhwezi, iGariep, kwakunye neMaletswai. U-Eskom uthi, usirhoxisile isigqibo sokufaka aba masipala ebumnyameni emva kokuba urhulumente weli phondo ethe wangenelela wahlawula inxalenye yeli tyala.

Aba masipala banikwe de kube sekupheleni kuka- Disemba ukuba bahlawule.