Ubuze benimba

Ubuze benimba ngokubhalwe nguSimphiwe Nolutshungu

Ipapashwe yiMOSAMEDIA AND BOOK DISTRIBUTORS 2019

Maxhosa ndini axhaph’ uxolo. Nanku kwakh’ omny’ umzamo wokukhulisa ulwimi lwethu lwesiXhosa. Ndazisa kuni le ncwadi, eyinoveli nethe yapapashwa kwakulo wona unyaka.

Ukwenjenje luchulumanco novuyo olungenamikhinkqi, ngokunazisa ukuba le ncwadi ifundwa kuMhlobo Wenene qho ngokuhlwa ukuqalela ngoMvulo ukuyakuthi ga ngoLwesine xa kanye imizuzu imihlanu phambi kokuba kuvuthwe la ntsimbi yeshumi ngokuhlwa.

Le ncwadi ke incothulwe amahlaba anobuhlungu yaza yanyunjazwa apho ibijame khona nguLukhanyo Makhenyane ngokubambisana kunye nam kulo msebenzi. Ipapashwe ngabakwaMosaMedia.

Ubuze Benimba ke yinoveli emaphepha alikhulu mashumi mahlanu abeleke ithoba.

Le ncwadi ithetha ngokuxhatshazwa kwendoda ethile egama layo linguZithwale kwaye ke oku kuxhaphaza akuni kuvela ngaphandle okanye kuyimvula eza nomoya, uxhatshazwa liqabane lakhe emtshatweni uNozinto, ewe ke khona uNozinto lo akaphakamisi sandla kuye amvise obunjalo bona ubuhlungu kodwa umbulala apha emphefumlweni wakhe ngendlela engenakubaliswa.

UZithwale lo ungene kulo mtshato nonyana wakhe onguThingaza, nyana lowo naye ozibhaqa ngoku sele ephakathi emsini kolu xhatshazo ngokuthi enze nzima uNozinto nongumama wakhe ke.

Kuninzi ke kakhulu okuqhubekayo apha kule ncwadi okuya kushiya ubambe ongezantsi, kuba kaloku uNozinto lo akoneli kwaphela kukungcungcuthekisa koko kuye ukholwa.

Kanye kukuthi xa ebephembelele apha anyukele ngentla kwelinye iziko ukuyokubasela apho okunye ukungcungcuthekisa.

Ngalo lonke ke elo xesha umyeni wakhe yena uyavutha luthando kwaye konke oku kwenzeka phantsi kwempumlo yakhe akakuboni kwaphela koko kuye ubomi bomtshato buyaqhuba kwaye burhuqa ithemba elizukileyo kuye.

UNozithuba udade kaNozinto yena ubona ithuba xa kudlakadlaka kunje, yena ufuna ukungena kwelo thuba kuba embona ukuba uZithwale lo yindoda engqondo izinzileyo kwaye ke ekwayindoda efuye olona thando kuye entliziyweni. Kazi oku kozala ntoni na?

Iqhuba ke incwadi le de uThingaza azele ikhaya lakhe ngomva ngenxa yokutsarhwa livumba lokungcola eligquba ngamandla phakathi kwelo khaya. Ayokuhlala nesithandwa sakhe, esimthanda kakhulu, phofu ke bengayekanga ukuqhuba nezifundo zabo bobabini ukuxhobela ikamva elifutha kufuphi nemiphefumlo yabo.

Emva ekhaya naye ke utata wakhe uwa evuka ezama ukuthwala loo ngxowa yamathumbu yobomi bakhe, ephuncuka sele esithi uyiphethe, epatyalaka sele esithi ubhungcile.

Funda incwadi ke mfundi kuba zikho nezinye iziganeko eziya kukushiya unyembezana zimbi zikushiye uzihlekela wedwa, zikho ke nezo ziya kuhlala nawe njengeenkumbulo zingali kwaphela ukukushiya.

UZithwale uye ajikelwe ngamaqabane akhe ombutho aze azelwe ngomva ngabantu abaninzi ebesiba baya kuxhasana de kube sekupheleni kobom obu bunemingeni oku ke kumjula, kumgadlele phantsi kabuhlungu de umqamelelo wakhe ubeziinyembezi zakhe nokufa kwethemba.

Akupheleli apho ke oku kude kuchaphazele nempilo yakhe, ingakumbi xa kucaca ukuba ude aphulukane nentsebenzo yakhe njengoCeba kuloo ngingqi yakuTuku kumazantsi edolophu yakuKomani, ngokwenene ke uzibona embethe amashwa arhwexa ngeyona ndlela ingenambaliso.

Funda incwadi ke mfundi ze ngokufunda kwakho usezele ukuba kuNozinto lo ude aphelele phi na kwaye yena unyana wabo onguThingaza ubomi bumthatha buyokumjula phi na, futhi ke unyana wakhe lo ukwangumntakwabo uthwelwe nguNozinto uhamba aphelele phi na yena, uZithwale ucutshwe bubomi bamlahlela phi na?

Konke ke oku kuyafumaneka kule ncwadi ibhodlwe lusiba lwam, ndisenzela ukuba nam noko makhe ndijule ndilahlele ukuze ulwimi lwethu lukhule kwangokunjalo ke ndidlulise nemfundiso ethile ukuzama ukufundisa isizwe sakowethu.

UBuze Benimba nguSimphiwe Nolutshungu iyafumaneka ke kubapapashi ngokuthi uthumele imbalelwano apha..admin@mosamedia.co.za okanye utsale umnxeba okanye ubhale umyalezo apha 067 255 4120

USimphiwe Nolutshungu ngumbhali osele noko ebuqingqa apha ekubhaleni nothe waphumelela iimbasa ezithile ngokubhala kwakhe, eziquka SALA, Avbob kwakunye nezinye ke.

Ezinye zeencwadi azibhalileyo nezinye zazo zifundwa ezikolweni jikelele naseziYunivesithi zezi: Iingceba Zegazi; ULind’ ixesha; Amathunzi Ezolo; Nolutshungu Avenue kwakunye nezinye ke. Usebenza kwiCandelo loNcwadi neeLwimi kwiYunivesithi yaseKapa .(UCT) njengomhlohli ke apho.