UCapa ukukhalimele ukuhlaselwa kwe’ambulensi ebilayishe umntwana osezintlungwini

Umntwana oneminyaka esibhozo (8) obelayishwe kwi’ambulensi ebisuka kwisibhedlele iOliver and Adelaide Tambo eMbizana ethunyelwa kwesaseMthatha isibhedlele, iNelson Mandela Academic, uqhaqhazele ngaphandle nezontlungu ngethuba besalinde enye iambulensi ezokubahlangula, emva kokuba bethe bakhutshelwa ngaphandle inguye namagosa akwaEMS amabini kwi’ambulensi ebebekuyo ngethuba bekhonjwe ngezibham behlaselwa ngoonqevu.

Ngokwengxelo yesithethi soMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uMkhululi Ndamase uthi iambulensi ihlaselwe xa ikwidolophu yakuQumbu. Oku kwenzeke ngobusuku bangoMvulo kule veki. UNdamase uthi le nyewe isezandleni zamaPolisa kwaye ayaphanda.

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa usikhalimele kabukhali esi senzo.

“Oku kushiye umntwana osisigulana kwakunye nabasebenzi ababini be’ambulensi behlukumezekile sesi senzo. Siza kuqinisekisa ukuba bayalufumana uloluleko lomphefumlo. Okusivuyisayo kukuba onke amaxhoba awonzakelanga.

“Sihlab’ ikhwelo kumaPolisa ekubeni kuphando lwawo angashiyi nanye. Abahlali nabo mabasebenzisane nabomthetho ngamaxa onke ukuze babanjwe abenzi bobubi,” utshilo uCapa.

UNdamase uthi, esi sangoMvulo isiganeko sokuhlaselwa kwe’ambulensi kummandla waseAlfred Nzo ibisesokugqibela zisenzeka.

Ekuqaleni kwalo nyaka ka2024, kwahlaselwa iiambulensi ezimbini zixulutywa ngamatye kodwa ngemfefe basinda abasebenzi.

Uthi uhlaselo lwee’ambulensi eMpuma Koloni luyingxaki enkulu njengoko lunwenwa nakwezinye izithili.