UCapa uthi phantsi ngobuqhophololo

Usihlalo wekomiti kwisebe lophuhliso loluntu epalamente uZoleka Capa uwagxeka kabukhali amagosa eli sebe aqala ngokuzicaphulela kwimali yegranti phambi kokuba ikhutshelwe abantu bayo.

“Lo nto leyo ayamkelekanga kwaye mayiliwe ngako konke. Sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba abo bahluphekileyo nyani bayaxhamla kule mali,” utshilo uCapa.

Uthi uphando lwesebe lakwaSassa luveze ukuba kukhona noogqirha bebhunga laseMzantsi Afrika abangabhalisanga abaxhamla kwimali yenkubazeko yegranti.

Uthi angekhe bayamkele lo nto konke konke.