Uceba ongcolileyo!

Kweyam indawo kukho izityholo zokuba uCeba wethu wajika iinkonzo zamanzi sele zizokufakwa ngumbutho ophikisayo, kuba esithi khange kuqalwe kuye. Kuna ngoku akukabikho manzi pha kula ndawo yethu kuthwa yiCofimvaba eQitsi kuTshatshu.

Oku ke mna ndikubona njengokuzicingela yena yedwa, kuba xa kusebusika okanye kubalele amanzi siwakha emlanjeni kunye nasemadameni apho kusela khona nezilwanyana. Abantu abadala abahlala bodwa, eyabo ke into ilusizi.

Kuba ke kufuneka bewathengile kwiteyitala ekha amanzi okanye umntu uyokukha kubekanye ngeveki elungiselela ukupheka nokusela qha, engawasi emzimbeni.