Uceba uchithe iR50 000 kwipotsoyi!

Abahlali bakwilokishi iMlungisi eCumakala bavale iindlela ezingena kule lokishi kuqhankqalazo oluqhubayoUmfanekiso: BHEKI RADEBE

ZIZIKHALAZO eziqale kwiminyaka engaphaya kweshumi elinesihlanu, kodwa zaphenjelelwa zizityholo zokungahoyi kwesigqeba solawulo sikaMasipala iAmahlathi kwanamarhe kaceba ochithe iR50 000 kwipotsoyi.

Sithetha nje idolophu yaseCumakala, apho zikhoyo iiofisi zoMasipala iAmahlathi, awusebenzi emva kwengqumbo yabahlali abatshisa izakhiwo beshiya kuphandle kwezinye zezakhiwo zalo masipala ezikwaquka nekliniki.

Uqhankqalazo lwaseAmahlathi luqale kwinyanga ephelileyo emva kwengqumbo yabahlali abatyhola umasipala ngokusilela ekuseni iinkonzo. Abahlali bakwatyhola umasipala ngokukhetha xa kufikwa kumba wengqesho.

Umbutho iANC eAmathole, ngokomlomo kaTeris Ntutu ongunobhala kwingingqi, uthi olu qhankqalazo yinto ephehlwe lulwaphulomthetho, watsho esithi akukho zikhalazo zinokuvakaliswa ngodushe.

Kodwa imithombo ethembekileyo ehlala kulo masipala, bambi kubo bethabathe inxaxheba kuqhankqalazo, luthi olu qhankqalazo luphenjelelwe ngumbandela wokungahoyi kwesigqeba solawulo kulo masipala.

“Kukho umsantsa phakathi kwesigqeba solawulo sikamasipala kwanoluntu. Asimanyelwa tu xa siphakamisa izikhalazo zethu, into ovele ugagane nayo ngooceba abathetha unothanda futhi bengonqeni ukuxelela into yokuba bayaphangela bona, nokuba ungathetha uthini, ngempelanyanga baza kufumana iimali zabo,” utsho lo mhlali waseCumakala.

Omnye umhlali utyhola ngelithi kulo masipala kuqeshwana ngokwazana. “Sihleli elokishini (eMlungisi) nje kunzima kuthi, kuba asinamisebenzi. Amagosa kamasipala aqesha ootshomi babo,” utshilo lo mhlali.

Omnye umhlali utyhole ngelithi kukho uceba obesingathe ipotsoyi apho “ebedlisela” ebantwini ukuba uchithe iR50 000. “Kumasipala ofana neAmahlathi ohlupheke kanjeya, usithatha phi isibindi sokudlisela ngokuchitha iR50 000 kwipotsoyi ube uyazi ukuba kudala kukhalazwa ngabahlali?” kubuza lo mhlali.

Kwiveki ephelileyo, abahlali baphinde babamba olunye uqhankqalazo apho iiteksi ezisuka eCumakala edolophini zisiya eMlungisi bezivaliwe. Oku kuvalwa kweeteksi kubangele ukuba abantu abarhola indodla, bambi kubo ingabantu abadala, bahambe ngenyawo ukusuka edolophini ukuya eMlungisi.

Abahlali bakwatyhole ngelithi baza kuyivala iCumakala, bavale neevenkile ezihlawula irhafu kurhulumente. “Sifuna ume ngxi lo masipala kuba awukhathali. Iivenkile esiza kuzisizela zezo zooMy Friend (abemmi bangaphandle). Siza kuzivala zonke ezi zihlawula irhafu kurhulumente,” ulumkise ngelitshoyo lo mhlali.

Kule veki, uAnathi Nyoka othethela iAmahlathi, uxelele I’solezwe ukuba awusebenzi lo masipala, esithi izikhalazo zabahlali zidluliselwe kwiqoqo elingentla kubo.

“Akukho kwanto esebenzayo kwamasipala,” utshilo uNyoka, ebalisela I’solezwe ngoLwesibini kule veki.

Iingxelo zithi abasemagunyeni basaqhuba neengxoxo zokubuyisela uzinzo kulo masipala, kuquka nokusabela kwizikhalazo zabahlali.