Uceba utyholwa ngokunkula abahlali

Abahlali base Amalinda eMonti uMiranda Mndi kunye noEunice Zilwana UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

IMIZIMBA iqhanile kubahlali base-Amalinda eMonti emva kwezityholo zokunkulwa kanobom nguceba wabo uMzukisi Relu, ababanga ngelithi usenze esi sehlo ehamba negquba lakhe.

Esi sehlo senzeke ngoLwesine weveki ephelileyo ngethuba uRelu ebeququzelela indibano yokuthetha ngemiba emayelana nokwakhiwa kwezindlu kulo mmandla. Le ndibano ibihlelelwe ukuba ibanjelwe kwiholo lale ndawo.

Abahlali base Amalinda uEunice Zilwana noMiranda Mndi, bekunye nabanye abahlali, bagqibe kwelokuba bayithintele le ndibano kuba besithi uRelu akanalungelo lokuthetha nabo nanjengoko “enqunyanyisiwe” yiANC.

“URelu ufike kwindawo esihlala kuyo ehamba namagosa esebe lokuhlaliswa koluntu. Simazi engenguye uceba wethu, sothuke kwale yokuba aququzelele indibano kwindawo yethu.

“Sigqibe kwelokuba masiyokuvala iholo, kuba sifuna ukumthintela. Besifuna azo kubuza apha kuthi ukuba kutheni sivale iholo. Sithe sisajonge leyo, sabona efika ngemoto yakhe ihamba nabantu bakhe,” utsho uZilwana.

Besajonge lo nto, kwehlike bantu bathile behamba noRelu bonda ngabo. “Bavele bangqala kuthi besibetha ngeenduku nemihlakulo.

Kweli qela belisibetha, uRelu ebekhona encedisa esithi kutheni sizo kugeza eholweni,” utshilo uZilwana.

UZilwana uthi emva kokubethwa, uRelu ubaxelele ukuba: “Nifumene le nto beniyifuna.”

UMndi uthi yena ubethwe nguRelu buqu emlenzeni, wadumba umlenze wamenyezela. “Kunyanzeleke ukuba ndiye kwagqirha. Ngendlela le bebendinkula ngayo, ndixelelwe ngugqirha ukuba hleze ndibe nengxaki yezintso ekuhambeni kwexesha,” utshilo uMndi, esithi ebexushwa nguRelu.

Ethetha nephephandaba I’solezwe ngale nyewe, uRelu uthi unolwazi ngesi sehlo kodwa wakhanyela ukuba ubabethile aba bahlali.

“OoZilwana aba neqela labo, bakweli cala lingandamkeliyo njengoceba wakwaWadi 16. Bebeye eholweni kuba befuna ukubhoxa,” utshilo uRelu.

Uthi uzenzile iinzame zokunqanda ngethuba bebethwa ooZilwana. “Ewe, ndiyayivuma eyokuba babethiwe ngabahlali. Ndizamile ukunqanda. Ndibasindisile kuba bebethelwa oogqirha nezicaka. Ukuba bathi ndibabethile, bazama nje ukonyelisa igama lam futhi abazokuphumelela,” kufunga uRelu.

URelu uthi akanqunyanyiswanga yiANC. “Le nto isukela kwindibano yebhunga lomasipala waseBuffalo City apho iANC yabona ukuba sityeshele imigaqo yayo. Sabizelwa eCalata House [eQonce], salunyukiswa ngumbutho yaphelela apho inyewe,” utsho uRelu.

Bobabini uZilwana noMndi bayibike kumapolisa aseCambridge inyewe yokunkulwa kwabo. Kwakhona, uRelu uxelele I’solezwe ukuba naye ulivulile ityala emapoliseni emangalela uZilwana noMndi ngokubetha igosa elisebenza kwi-ofisi yakhe.

Isithethi samapolisa aseCambridge uKapteni Nkosikho Mzuku, ungqinile ukuba avuliwe amatyala amabini okubetha, kumangalelwa uRelu.

“Kwakhona elinye iqela [elixhasa uRelu] livule elinye ityala lokubetha. Akukho mntu osele ebanjiwe, uphando luyaqhuba,” utshilo uMzuku.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za