Uceba waseBhayi ubanjwe ngamapolisa

IBUTHO lamapolisa aphanda ngamatyala anobuzaza kule veki libambe lavalela uceba weANC kwaWadi 20 eNelson Mandela Bay uBongo Brian Nombiba emva kwezityholo zobuqhetseba nobuqhophololo obubandakanya ukutyiwa kwemali KwaZakhele.

Iingxelo zithi lo kaNombiba, phaya ngonyaka ka2014, wancedisa umbutho ongenanto yakwenza norhulumente (NGO) waKwaZakhele ukuba afumane inkxaso-mali kumasipala iNelson Mandela Bay.

Isithethi sooKhetshe (Hawks) uKapteni Anelisa Feni uthi emva kokuba lo mbutho uyifumene inkxaso-mali kwamasipala, uNombiba waye wafuna ukwabelwa inxalenye yale mali.

UFeni akadizanga ukuba yimalini le ibhunyulwe ngulo kaNombiba.

“UNombiba uye wakhululwa ngesilumkiso emva kokuvela kwinkundla yamatyala obuqhetseba nobuqhophololo yaseBhayi. Umrhanelwa lo uzakuphinda avele ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga yoMqungu,” utshilo uFeni.