Uceba weANC ube iiChocolate evenkileni

UCEBA weANC eMbhashe ubhaqwe ngoonogada ephuma kwivenkile yakwaBoxer Superstores eDutywa egushe iichocolate ezimbini angazihlawulelanga.


Iingxelo zithi lo ceba oyinkosikazi, esingenakumchaza ngegama okwangoku, ubejongiwe ngoomanejala bale venkile kwikhamera. 

Uthe nje xa ephuma engazihlawulelanga ezi chocolate, oonogada bambiza.

“Emva kokuba bembizile, baye bamgqogqa bafika kukho iichocolate ezimbini azigushileyo.

“Xa kukho umntu obileyo apha evenkileni, siye sibhale phantsi igama – maxa wambi sithathe umfanekiso wakhe siwuxhome edongeni ephethe lo nto ayibileyo okanye sifowunele amapolisa,” utshilo umsebenzi wale venkile.

Iingxelo zithi lo ceba ucele amaxolo, ethembisa ngokukhupha amakhulu amahlanu eerandi (R500) ukuze kucinywe elo tyala lee chocolate ezimbini nezixabisa ngaphantsi kwamashumi amane (R40) eerandi.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa linxulumana nomanejala wakwaBoxer, usixelele ukuba imibandela enje ngalo yinto yangaphakathi evenkileni, exhomekeke kubo kwakunye nabezomthetho.

Iingxelo ezingaqinisekiswanga zithi ivenkile yakwaBoxer eDutywa icele lo ceba ukuba ayibhale phantsi le nto yakhe yokucela ukukhupha iR500 logama besabonda amacebo okuqubisana naye.

Umasipala waseMbhashe awufumanekanga ukuphefumla ngenyewe yalo ceba.