Ucela uncedo onabantwana abalishumi elinanye!

Inkosikazi yakwilali yaseKhwanyana eSajonisi nenabantwana abalishumi elinanye umfanekiso: Buziwe Nocuze

Inkosikazi yaseKhwanyana eSajonisi enabantwana abalishumi elinanye icela uncedo.

UKhunjulwa Thakathani noneminyaka engamashumi amane anesibini ubudala, ubabalwe ngabantwana abalishumi elinanye kodwa ngenxa yokungasebenzi, akakwazi ukufezekisa izidingo zabo.

“Ndiyayazi abantu baza kundigxeka kodwa ke kulungile kuba ndicela uncedo kubo,” utshilo uThakathani.

Abantwana bakhe akabarholeli ukukhawulelana nengxaki le ajongene nayo, uthe urholela ababini kuphela.

“Kwaba bantwana balishumi elinanye ndinabo, babini abadala nekufanele ukuba abarholi kodwa abasithoba bekufanele ukuba bayarhola kodwa ngenxa yokuba bengenazo izatifikethi zokuzalwa, babini kuphela abarholayo,” utshilo uThakathani.

Uqhube wathi isizathu sokuba bangabinazo kukuba ebezalela ekhaya kwaye zange wabasa kliniki abantwana bakhe.

“Siphila ngeemfefe zikaMdali, nam ndiyazama ukufumana amatorho kodwa kunzima, yilo nto ndicela nabani na onokuthi ancede asincede,” utshilo.

Lo kaThakathani urholela abantwana ababini nanjengoko esithi uzama ukubenzela izatifikethi.

“Into ebibangela ukuba ndoyike ukuyobenzela, kukoyika ukuthukwa ngenxa yokuba ndingazange ndabasa ekliniki abantwana kwaye ndiyazi ukuba bendibarholela bonke noko ngowungekho nzima kangaka umthwalo.”

Abantwana bakaThakathani baphakathi kweminyaka eyi22, 19, 15, 13, 11, 12, 10, 8, 4, 3. Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lindwendwele olu sapho, belupheke ipapa ebeluza kuyilumela namanzi.

Intombi kaThakathani, uZimbini noneminyaka elishumi elinesithoba, uxelele I’solezwe ukuba ubomi bunzima nanjengoko bephila ngokucela emizini.

“Xa sithe sakhelelwa isitya serayisi okanye imilimili, oobhuti bam kuquka nalo oneminyaka emine bayahamba bayokuzingela ukuze sikwazi ukufumana into yokulumela, kunzima.”

Uqhube wathi naye unabantwana ababini abaphakathi kweminyaka emibini nomnye.

“Andikwazi kubarholela kuba kaloku andinayo i-ID kodwa ndiyathemba ukuba siza kulufumana uncedo.”

Watsho esithi umninawa wakhe oneminyaka esibhozo zange wawubona umnyango wesikolo. “Umnqweno wam kukuba sifumane uncedo, abangafundiyo babuyele esikolweni.” Omnye wabahlali bale ndawo uthe imeko yakwaThakathani imbi kakhulu kuba abantwana bagcwala ilali becela ukutya.

“Amaxesha amaninzi abayi esikolweni abo bafundayo kuba kaloku akukho nto yakutya, siyathemba ukuba abafundi beSolezwe baza kuncedisa olu sapho,” utshilo umhlali.

Olu sapho luhlala kwityotyombe elinethayo. Othethela isebe loPhuhliso loLuntu, uGcobani Maswana, uthe oonontlalontle sele belundwendwele olu sapho kwaye baza kuqinisekisa ukuba ingxaki yalo iyalungiswa.

“Sele sithethile nabo kwaye siza kuzama ukuba bafumane izatifikethi ukuze bakwazi ukufumana imali,” utshilo uMaswana.