UMfundisi Nomathamsanqa Rweqana usebenzise inkqubo yakhe ethi “NdinguYehova iGqirha Lakho”, ukuxolisa kubaphulaphuli boMhlobo Wenene kulandela inqaku ebelipapashwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa ngoLwesihlanu.
Abaphulaphuli boMhlobo Wenene benze ingxokolo kumaqonga afana noFacebook, kulandela emva kokuba umphulaphuli wale nkqubo uNtsikilelo Blouw, ebhale kuFacebook esithi: “Hayi ndicela ukubuza lo mama uRweqana xa esithi umntu uthetha ‘uvobe’ akamthuki okanye ndim lo ungqwabalala ngakuye?”
Emva kwalo mbhalo kaBlouw, I’solezwe lesiXhosa lipapashe inqaku phantsi kwezihloko ezithi “Ukrwada uRweqana” nesithi “Bakhalazela uRweqana abaphulaphuli”.
Ethetha kwinkqubo yakhe ngoMvulo, uRweqana uthe ucela uxolo kubaphulaphuli, watsho esithi, ayizonjongo zakhe ukungena emoyeni aphoxe abaphulaphuli.
Emva kokuba bebone inqaku kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa, abaphulaphuli babhale kuFacebook weliphepha. Nazi izimvo zabo ngezantsi.
Pamela Ntomb’Yama Cirha Dyeli: Tjoooo! Hayini kodwa ukugweba ayikokwethu, ngoba ugwebo esigweba ngalo sakugwetywa ngalo nathi, naye ngumntu uneempazamo nje ngamntu wonke uMfundisi, akukho mntu uperfect kunomnye, sisaphila kulo mhlaba umagad’ahlabayo nje, ngoku kuba enguMfundisi akanakuphazama?
Azola Aizo Mevana: Yhoo! shame, eish! kodwa naye uyaphoxa. “Uyasela wena bhuti ubutywala lento ungazokuyibona imali? So, ucinga uzakuyibona njani kengoku imali uyinxila. Hahaha…”
Pearl Macwane Diva’bucs Ntibane: Mfundisi Rweqana, nkqo nkqo nkqo! Ndikwakho ungumama okanye utata..Tata uphi? …uba umphulaphuli uyasabela azothi, uzothetha nini kengoku okanye ndiyagqitha, ogqiba athule xa ubuza, mama usekhona? Athi ndimamele wena uyothetha nini? kwaaaaaaaa!
Masumpa Khoza: Ndayeka kwa ukumamela inkqubo yakhe. Uthi usathi, Molo mama, athi Sisi uphi, angapenduli kwalo mholo wakho, thetha kaloku sisi, oh ndiyagqitha mna, noba angayekiswa kuMhlobo uyandidina shem. Ngekungcono noba uyazibona ezi comments lo mama udikwayo ngathi akawazi umsebenzi wakhe, ufana nqwaa nala Lulu, ubanee mini zake.
Vusi Just-ice Ngalimani: Unobubele lowa mama nto nje ufuna umntu ogqagqanisayo, akukho xesha lokungcambazisa umntu emoyeni.
Siyabulela Puka: Yekani uMam’uKrweqana nina, nicing’ba nguThixo wenu, uzakuphendula ingxaki zenu ngoku? Hayi myekeni bethuna plz!
Sonwabo Nose: Aibo! Kanti le yokuba ebebanceda abantu seyaphelela phi ngoku? Nabantu bebezitsholo futhi. Nkqu ngoLwesithathu ekuseni, kude kwafowuna nomnye uTata eseBhizana kwaNgutyana, encoma imithandazo yakhe, ngoba ude nonyana wakhe wafumana umsebenzi ngenxa yomthandazo kaMam’ uKrweqane.
Lwazi Ka-Khuzwayo: Hayi! kodwa abaphulaphuli bayathanda nabo ukutatanyiswa suka, uMfundisi wenza oko anako, qha abantu bafuna ukuba enze ngentando yabo.
Zolile KaMangcoya Ka-Dlomo: UMhlobo Wenene kumele ususe la maxhegwazana ayokuhlal’ekhaya ngoku, kuba akasawenzi umsebenzi wesitishi, kufana nala makhulu kuthiwa ngunina kaMa-Asi, la nkqubo yakhe seyaba yeyezaziso nje kwaphela, aqhawule umntu esathandaza kuba efuna ukuthetha yena ngezaziso zakhe nabangani bakhe, yadika wona lo Mhlobo ngezinye iimini.
Siviwe Sivuyile Kulu: Hayi nam ndiyakhala ngoMfundisi madoda! Udikwa finish ngabantu!!!
Vuyiseka Kani: Funeke ndiyolifuna ke elo phepha, andisamphulaphuli uMamzo, ubaphoxa kabuhlungu abantu ibengathi uthetha nam.
Sivuyile Vuyelele: Kudala ndifuna ukungena kule nkqubo yakho yintoni kanene igama layo , aphendule ‘andiyazi’ ,lol! ndimhleke! Upholile uMam Krweqane, nalo mntu kutshiwo kuye uyayihleka.
Onke Qobela: UMama uRweqane akakho krwada, qha uthanda umntu athethe into ephucukileyo, hayi indlalo.
Nosipho Haya: Pewuuuuu! unelishwa kanene lo mama, kuqala kwakuthwe uqhuba imoto enenyoka, ukuba ukhwele phaya kuzokufuneka uncancise loo nyoka.
Zimasa Mfeketo: Jonga! ukrwada nyhani, akayiphili lanto maarn.
Abonga Lucwaba: Ukrwada kodwa mhle ekushumayeleni xa uthelekisa noogxa bakhe. Ndiyamthanda.
Sivuyile Vuyelele: Hayi uMhlobo asigcinele uMam’uKrweqane, uyabanceda abantu, ingakumbi abadala nabangazukwazi uyithetha lonto kwezi social network.
IZIMVO | Ngumbutho waseKZN iMK Party