UCele kutyelelo lwakhe eBhayi

UMphathiswa wesiPolisa uBheki Cele kunye noMkomishinala uKhehla Sitole nomama uMbinambina phambi kokunikezelwa kwendlu entsha kuMbinambina umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Ayizi kuba sisigqubu samakhwenkwe indlu entsha yengwevukazi yaseMotherwell ngokutsho koMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele.

Le nkokeli ikuthethe oku ngethuba ibizokunikezela ngokusesikweni ukracaza wendlu omagumbi mahlanu kumama uSisana Mbinambina (79) ohlala kwilokishi yamatyotyombe kwindawo ebizwa ngokuba kukwaNU 30 ngeCawa.

UCele ucele abazukulwana bale ngwevukazi esithi ze bahlalisane kakuhle nomakhulu wabo, watsho esithi uyakudana kakhulu ukuba unokuva ezinye iindaba ngabo, bephethele umakhulu wabo imbengwana le ndlu beyenza isigqubu samakhwenkwe aphuma engena kuyo.

“Ndiyakuxabana kakhulu, hlalani nomakhulu, akukhonto imbi apho kodwa ningabi nemibono nicinge ukuba niza kukhupha nifaka amakhwenkwe enu apha!” utshilo okaCele.

Lo Mphathiswa uhambise wathi lo msebenzi wokwakhela usapho lukaMbinambina asinguwo owokuqala ukwenziwa ngamapolisa, esithi yinto yamapolisa ukwenza isisa engajonganga nje ukuleqana nezigilamkhuba ayokuzivalela kuphela, esithi aneentliziyo ezithambileyo.

“Ndiva kabuhlungu, ndiva kamnandi, ndiyabulela kakhulu ngento eniyenzileyo kum intle kakhulu, niyenze nakwabanye abantu, ndiyanithanda nonke!” utshilo uMbinambina ebulela.

Lo msebenzi ngomnye wezinye iziganeko eziqhubeke eBhayi kule mpelaveki siyishiyayo nekhokelwe ngulo kaCele namagosa aphezulu kwisebe lesizwe nawephondo. Ngokuhlwa kwangeCawa, le nkokeli ikwathwese amapolisa abalaseleyo emsebenzini wawo ngeembasa nangamanye amabhaso amakhulu kumsitho obubanjelwe kwisakhiwo esibamba imisitho yeengcungcu iBoardwalk ngaseSummerstrand ukukhawulelana nosuku lukazwelonke i27 kwinyanga yoMqungu eyabekwa ngurhulumente weli lizwe ukuhlonipha isipolisa.

Ukwathe enye into abayenzayo kukuqinisekisa ukuba babakhathalele bonke abantwana bamalungu abo awabashiyayo, bebhubhele emsebenzini. Ubalise wathi maninzi amapolisa azinikeleyo emsebenzini wawo ebeka ubomi bawo esichengeni amanye ekwenza oko ngexesha lawo lokuphumla. “Asingawo onke amapolisa amdaka nabikwa ngokunyoluka nokuba nobuqhophololo, amanye awenza kakuhle umsebenzi wawo.”