UCele utyelele eEldorado Park, apho kudutyulwe kwabulawa uNathaniel

UMphathisw' uBheki Cele utyelele eEldorado Park ngoLwesihlanu emva kokudutyulwa kukaNathaniel Julius UMFANEKISO: FACEBOOK
UMPHATHISWA wamaPolisa uBheki Cele utyelele indawo yaseEldorado Park eRhawutini ngoLwesihlanu kulandela ukudutyulwa kubulawe ngamapolisa inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithandathu. 
UNathaniel Julius udutyulwe wabhubha ngamapolisa ngoLwesithathu. Iingxelo zithi uNathaniel, ophila neDown Syndrome (imeko ebangela ulibaziseko lokukhula kwengqondo), ebehleli nabahlobo bakhe esitya iibhiskiti ngethuba ehlatyaniselwa ngembumbulu ngamapolisa. 
Ukubhubha kwakhe kubangele umnyele kubahlali baseEldorado Park. NgoLwesine ibinguqulukubhode abahlali begxoga iimoto zamapolisa, ingusa endleleni. Umsindo wabahlali ukwazile ukwehla emva kokungenelela kweziphathamandla zikarhulumente.
NgoLwesihlanu uCele uqinisekise abahlali ukuba ukubhubha kukaNathaniel kuza kuphandwa ngukhala ojongene namatyala enziwa ngamapolisa, i-IPID.