Emva kweenyanga zomsebenzi wokwakha ngokutsha ngenkuthalo, inkampani yonxibelelwano ngemfonomfono, uCell C kunye nombutho ongenanto yakwenza norhulumente onceda abantu, iGift of the Givers, banikezele ngokusesikweni amaziko onyango asandul’ ukulungiswa kubantu baseGqeberha, eMpuma Koloni. Ingingqi ethe yathwaxwa zizikhukula ezihlasele iMpuma Koloni ekuqaleni kwalo nyaka.
Olu nikezelo lwenzeke kwinyanga ephelileyo, ngoLwesine umhla wama28 kweyeNkanga 2024, kwikliniki yase-Edameni KwaNobuhle, eGqeberha. UCell C kunye neGift of the Givers baphucule amaziko ezempilo amane.
Ukusabela kwizikhukula – ezibangele ukutshatyalaliswa okubanzi kunye nokubhubha kwabantu, umonakalo kwiziseko ezingundoqo, nethe iinkonzo zempilo zathwaxa kakhulu – iCell C kunye neGift of the Givers zisebenze kanobom ukubuyisela ezi kliniki zingundoqo ukuqinisekisa ukuba uluntu oluchaphazelekayo luyafikelela kwakhona kwiinkonzo zempilo eziyimfuneko.
UMlawuli weeNtengiso zeShishini kwaCell C, uFarhad Suleman, uthe umsebenzi wabo kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo ugxile ekuqinisekiseni ukuba la maziko ezempilo awakhiwa ngokutsha kuphela, kodwa axhotyiswe ngcono ukuze akhonze uluntu ixesha elide.
“Unikezelo lwanamhlanje (ngoLwesine) luphawula impumelelo yomzamo wentsebenziswano kwaye sibonisa ukuzinikela kwethu okungagungqiyo kuluntu esilusebenzelayo,” utshilo uSuleman.
UGqirha Imtiaz Sooliman ongumseki weGift of the Givers, ubalule ukubaluleka kwezi ntsebenziswano ezifana nale.
“AbakwaGift of the Givers bayayibulela intsebenziswano kaCell C ekuphuculeni iikliniki zaseGqeberha, eMpuma Koloni, ezithe zachatshazelwa zizikhukula ezatshabalalisayo kweyeSilimela.
“Sizazi kakuhle izithintelo zohlahlo lwabiwo-mali, kunye nokucuthwa okukhulu kwenkxaso-mali kwicandelo lezempilo likarhulumente, okuchaphazela ngqo umoya wabasebenzi kunye nokhathalelo lwezigulane. Ukuthabatha inxaxheba kwecandelo labucala, njengale, ububele beCell C – bubalulekile.
“Amaziko aphuculiweyo anempembelelo enkulu ebonakalayo kubasebenzi bezempilo, izigulane, kunye neentsapho zabo, zibanika ithemba lokuba ezi ndawo ziphuculiweyo ziya kubonelela ngeenkonzo zempilo ezisemgangathweni. Kwabaphuma kuluntu oluhlwempuzekileyo noluvinjwe amalungelo, olu phuculo luvuselelo olunamandla lwethemba nokuthembela ngokutsha kwinkqubo yezempilo karhulumente,” utshilo uGqr. Sooliman.
UCell C uthe eli phulo lihambelana nokuzinikela kwabo ngokubanzi ekomelezeni nasekuphuhliseni uqoqosho lwentlalo. Ngaphaya kokwakhiwa ngokutsha kweziseko ezingundoqo, le projekthi igxininisa ekudaleni izisombululo ezizinzileyo nezilungiselelwe ukunceda uluntu kwiminyaka ezayo.
“Intsebenziswano yethu neGift of the Givers ngumboniso onamandla wendlela intsebenziswano enokuqhuba ngayo utshintsho olunentsingiselo noluhlala luhleli eluntwini.
“Ubuchule babo kuncedo lwentlekele, kudityaniswe nokuzinikela kwethu ekuxhaseni uluntu esilukhonzayo, luqinisekisa ukuba sinakho ukunikezela ngenkxaso esebenzayo, esemgangathweni apho ifuneka khona kakhulu.
“Ukusebenzisana kwethu neGift of the Givers ngeli xesha linzima kuye kwasivumela ukuba sibe negalelo ngendlela eqinisekisa impembelelo yokwenene, sincedisa ezi ndawo ukuba zibuyiselwe kwisimo sangaphambili ngokunjalo nokomelela kwazo ukuya phambili,” wongeze watsho uSuleman.
USuleman uqukumbele wathi oku akukho malunga nokwakhiwa kwakhona kweziseko ezingundoqo; imalunga nokwakha kwakhona ithemba, impilo, kunye nekamva eliqaqambileyo kubo bonke abo bachaphazelekayo.
IMpuma Koloni lelinye lamaphondo oMzantsi Afrika athe achaphazeleka yimozulu embi kulo nyaka.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!