Ucelwa ukuba uyokulanda isazisi sakho

ZIMALUNGA ne-288 000 iincwadi zezasisi (ID) zabemi beli ezingekalandwa ngabaninizo kwii-ofisi zesebe lezekhaya.

Umphathiswa wezekhaya uMalusi Gigaba ubongoze abemi beli ukuba balande iincwadi zabo zezazisi kwii ofisi zeli sebe ngokukhawuleza.

UGigaba uthe ekupheleni kukaJuni beziyi-44 681 iincwadi eziluhlaza, zezazisi ezingekalandwa, ngelixa uninzi lwazo iluhlobo lwesazisi esilikhadi. Ukutsho oku sekusele ithuba elingangeeveki ezimbini phambi kokuba kuyiwe kunyulo loorhulumento ekuhlaleni.

“Iyaxhalabisa into yokungalandwa kwezazisi ezingaka, ukuba nesazisi yinto ebaluleke kakhulu, ndiyacela ukuba wonke umntu obefake isicelo sesazisi asilande kwii ofisi zesebe lezekhaya elikufutshane kuye.”

Ukwathe izazisi kufanelwe ukuba zigcinwa ixesha na nje elithile, iincwadi zezazisi ezingalandwayo zizakutshatyalaliswa. “Silisebe sibonakalise umonde kubantu abangekaziqokeleli izazisi zabo, emva kwexesha elingangonyaka.

Emva kolonyulo lomhla wesithathu ka-Agasti sizakuphinda sizitshabalalise ezo zazisi zingekalandwa,” umlumkise ngelo uGigaba.

Uthe ukutshatyalaliswa kwezo zingalandwayo yenye yeendlela zokunciphisa ubuqhetseba bezazisi.

“Ukuba awusilandanga isazisi sakho, sade satshatyalaliswa, lixanduva lakho ukuphinda uhlawule xa ufaka esinye isicelo,” uthethe watsho.

Ukwabongoze amagosa oomasipala ngelithi mawancede uluntu olunobunzima bokuya kumaziko esebe lezekhaya ukuze liqokelele izazisi.

Ukanti isebe lezekhaya lizakulandisa ixesha lokuvula amasango nelokuvala ukusukela kumhla wamashumi amathathu kule nyanga, le ofisi izakuvula ngentsimbi yesibhozo ekuseni, ivale ngentsimbi yesithandathu.