Uchacha kuhle ekhayeni lakhe eGraaf Reinet uZondeni Veronica Sobukhwe (89) oyinkosikazi kaNjingalwazi Robert Sobukhwe.
Oku kusemva kokuba le nkosikazi ichithe iintsuku ezine kwisibhedlele sala ndawo.
Ingxelo yekhaya ithi le ngwevukazi ingene kwisibhedlele iMidlands eGraaf Reinet kuMvulo weveki ephelileyo.
Encokola nephephandaba I’solezwe uZondeni Sobukhwe, uthi akaqinisekanga ngeyona nto ebangela ukugula kwakhe.
“Ndingene esibhedlele ndigabha kakhulu, oogqirha bandinceda ukuthomalalisa lo nto bendingena mandla,” uthethe watsho.
Le nkosikazi yayisecaleni kukaNjingalwazi uRobert Sobukhwe xa wayesungula umbutho wePAC ngo1959.
Wathwala uxanduva lokukhulisa abantwana eyedwa logama uSobukhwe wayephuma engena ezintolongweni eziquka iRobben Island.
Uthi unesizathu esisiso sokuba agugele kule ndawo yaseGraaf Reinet.
“Kaloku utata wazalelwa wakhulela apha kule ndawo yaseGraaf Reinet, saza kuhlala apha ke nabantwana ngolo hlobo.”
Yiminyaka engamashumi amathathu anethoba wabhubhayo uSobukhwe emva kokugula ngumhlaza wemiphunga ekhayeni lakhe eKimberley ngo1978.
Othethe egameni leli khaya uDinilesizwe Sobukhwe, uthi bayavuya kuba ephumile esibhedlele umama wabo.
“Siyavuya kuba uphumile esibhedlele emva kokuba engene ngenxa yokugabha okugqithisileyo, eyona ngxaki yakhe mdala wena lo mntu, wonganyelwa bubudala ngoku,” uthethe watsho uDinilesizwe.
UZondeni Sobukhwe wazimanya ngeqhina lomtshato noRobert Sobukhwe ngonyaka ka1950. Lo mama yintombi yakwaMathe eHlobane kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Le nkosikazi yanyise abantwana abane bakaRobert Sobukhwe abaquka uMiliswa, Dinilesizwe, Dedanizizwe noDalindyebo.
Umongameli wombutho wePAC uLuthando Mbinda, unqwenelele eli gqalakazi impilo ngeli xesha.
“Siyamazi ukuba uphile ebunzimeni lo mama, nangona engathathwa njengeqhawe ngulo rhulumente, thina ke singumbutho wePAC simnqwenelela impilo ende, makaphile,” utshilo uMbinda.
Igqala lombutho wePAC nomnye wabalandeli bezimvo zikaSobukhwe, uBishop Waters Toboti, uthi babuhlungu kukugula kwale ngwevukazi.
“Siyambulela lo mama ngokuncama konke ekhulisa abantwana bakaSobukhwe namalungu ePAC, akamlahla kukubi wahlala eyinkosikazi ethembekileyo kuye,” uthethe watsho uToboti.
Uthi bamcelela impilo kuThixo nezinyanya ukuba aphile impilo ende. “Nangona emdala nje siyacela ukuba aphile ixesha elide, kuba usebenze nzima,” uthethe watsho uToboti.
URobert Sobukhwe wakhokela idabi lokukwaya amapasi kule nyanga yoKwindla ngo-1960, nalapho kwathi kwabhubha abantu abangaphezu kwamashumi amathandathu.
Ugqirha obexilonga le ngwevukazi uGqr. John Ndukwe, uthi eyona ngxaki ebangele ukugabha bikungabi namanzi aneleyo emzimbeni.
“Siye samfaka amanzi ngelizama ukunqanda ingxaki ebenayo, kwangoko iye yanqumama, yilo nto aye waphuma kamva esibhedlele,” ucacise watsho uGqr. Ndukwe.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi