Uchacha kuhle uKK Kaunda

UGqr KK Kaunda encume kwibhedi yasesibhedlele Umfanekiso: Uthunyelwe

Obesakuba nguMongameli waseZambia, uGqirha Kenneth Kaunda, ukwimeko engcono esibhedlele kwaye akukho sizathu sokuxhalaba ngemeko yakhe, litshilo isebe lezempilo kwela lizwe.
 
UGqirha Kaunda, owaziwa kwihlabathi njengo-KK, ungeniswe kwisibhedlele iUniversity Teaching eLusaka eZambia emva kwengulo engephi, utshilo umphathiswa wezempilo eZambia uGqirha Chitalu Chilufya.
 
“Inkqubo yokuhlolwa kwemeko yempilo yakhe iqhuba kakuhle kwaye uGqirha Kaunda usabela ngendlela encumisayo kwiimvavanyo malunga nempilo yakhe. Ukwimeko ezinzileyo, abantu mabayeke ukuxhalaba,” utshilo uChilufya.
 
UChilufya uthi urhulumente wela lizwe unyanisekile ngemeko yempilo kaKaunda.
 
UGqirha Kaunda, othathwa njengotata waseZambia, ubenguMongameli kwela lizwe ukusuka ngonyaka ka1964 – ngethuba iZambia ifumana uzimele geqe – de kwangunyaka ka1991. Ubengomnye wooMongameli abebesondele kwintliziyo kaNelson Mandela, kangangokuba wade wanikwa ithuba lokuthetha ngethuba kwakungcwatywa uMandela eQunu eMthatha ngo2013.