Uchacha ngcono uRingo emva kokuqaqanjelwa yintloko

Imvumi yomculo weAfro-Pop uRingo Madlingozi UMFANEKISO: BERTRAM MALGAS

IMVUMI yomculo weAfro-Pop uRingo Madlingozi uchacha kakuhle emva kokubhengeza ku-Instagram ukuba uqaqanjelwa yintloko kulandela ukuthabatha inxaxheba kwikonsathi ebibanjelwe eThe Ridge Casino eMpumalanga kutshanje.

URingo uthi kunyanzeleke ukuba akhe athi xha kancinci ngethuba ecula, ngenxa yokubhuqwa yintloko.

Uthi ugxa wakhe uthathe umfanekiso wakhe obonisa ukungaziva kakuhle ngenxa yentloko, ebangele ukuba angaboni ngamehlo.

Lo mfanekiso uyafumaneka ku-Instagram kaRingo. Abantu abawubonileyo lo mfanekiso bebebonakalisa uvelwano kwinto eyehlele le mvumi.

URingo uqhwabele izandla abalandeli bakhe abahlalileyo noxa nje ebengaziva kakuhle.

“Ndibulela wonke umntu obephaya nabantu ebendinabo endisebenzisana nabo eqongeni ngendlela abandixhase ngayo ngethuba ndigula. Ndiyabulela kakhulu, ndohlala ndinithanda,” kutsho uRingo.

Uthi lo ibingumsitho obalulekileyo kuye kodwa ubuhlungu abuvileyo bumothuse kakhulu.

“Andinqweneli ukuba ndibekumsitho ekunakuphinde kwenzeke le nto indehleleyo. Intloko yam ndayiva iqaqamba ngendlela emangalisayo, ndavele ndacinga ngokuba ndiyedlula emhlabeni,” utshilo uRingo.