Uchazwe njengekhalipha owabeka uZuma izityholo zokudlwengula

Owabeka uZuma izityholo zokudlwengula uFezekile Ntsukela Kuzwayo nobhubhe ngempela veki ngethuba wayevela enkundleni kwityala lokudlwengula ngo-2006. Umfanekiso ngu-IOL

IYAPHOKOKA imiyalezo yovelwano ngakusapho le nkosazana eyaziwa ngelikaKhwezi, neyaphumela elubala ibeka umongameli weli uJacob Zuma izityholo zokudlwengula. Iindaba zokubhubha kukaFezekile Ntsukela Kuzwayo nowaziwa ngelikaKhwezi zidizwe lusapho lwakhe kwingxelo eliyikhuphe izolo. 

Igqala leANC uRonnie Kasrils umchazechaze uKhwezi njengekhalipha elinesibini. UKasrils ukuthethe oku emva
kweendaba zokubhubha kwale nkosazana, neyaba ngundaba-mlonyeni ukususela oko yathi yamangalela uZuma n
gezityholo zokudlwengula ngo-2005. Kwangelo thuba kwavakala ukuba uKhwezi lo uphila
nentsolongwane kagawulayo, awafunyaniswa enayo ngonyaka ka1990. 

Uyise wale nkosazana
uJudson Kuzwayo wayengumhlobo kaZuma, kwaye esisibini sasivalelwe kwisisele esinye ngethuba lomzabalazo kwisiqithi iRobben
Island
. UZuma waliphika elityala esithi babevumelene ngokwabelana ngesondo nale nkosazana. Wafunyanwa
engenatyala enkundleni, noxa kunjalo uluntu lwashiyeka likhwankqisa bubungqina bakhe
kweli tyala xa esithi le nkosazana ibinxibe ikhanga, kwaye yamnika iimpawu zokuba ifuna ukwabelana naye ngesondo, emva koko wathi wahlamba eshawareni ngelinciphisa ukusoleleka sisifo ugawulayo emva
kokwabelana ngesondo.

Emva kwesigwebo uKhwezi wabhacela kwelaseNetherlands
ekunye nonina bekhala ngezigrogriso zabalandeli bakaZuma. Ngethuba ekwela zwe
uKhwezi waphalaza intlungu yakhe ngombongo awawenza kumnyhadala iAfrovibes Festival. “Wathi bendifuna ukulala naye, Wathi kungenxa yokuba
bendinxibe ikhanga, Wathi ndim omrhwebeshele kwigumbi lokulala, Njani kodwa
ndithe hayi kwade kwakabini?”

 Unina
wale nkosazana uyichaze njengomntu obe nothando, obekwa yintombi, efana
nodade wabo. UKasrils uthe, ukubhubha kukaKhwezi sisehlo esibuhlungu, “Ebengumntu onothando, nophile ubom bokuba yedwa, obenziwa
isihogo,” utshilo uKasril. 

Kwezinyanga zidlulileyo uKasril unikele ngesigidi
serandi kwingxowamali yokuxhasa uKhwezi emva kokuphumelela ibango ebelidle usihlalo
wamagqala oMkhonto Wesizwe uKebby Maphatsoe. UMaphatsoe wenza izityholo ezithi uKasrils
wapheka izityholo zodlwengulo ngakumongameli Zuma. UKasrils ncome abo bathe
bamnika inkxaso ngeli xesha lobunzima.

Udabi likaKhwezi libe yinto ebisematheni emva kweziphumo
zonyulo loorhulumente basekuhlaleni, ngethuba isine sabaqhankqalazi sathi
saphephezelisa amaphekepheke, akhumbula iminyaka elishumi emva kwetyala
likaZuma lokudlwengula, ngethuba uZuma esenza intetho kwiziko leziphumo
zonyulo.

Imibutho yezopolitiko iDA neACDP ingenelele,
ngeligxwala emswaneni isithi ebengekabufumani ubulungisa.