Ngethuba eqala ukungena ngqa njengoCeba wakwaWadi 20 weANC eMdantsane kuMasipala waseBuffalo City, uAphiwe Gcwabe (35), kwatsho kwehla izivungevunge zoqhankqalazo kule Wadi.
Oku kuvele kwintetha yezithethi ebezithetha kwinkonzo yesikhumbuzo yalo kaGcwabe ngoLwesibini kule veki eCity Hall eMonti.
UGcwabe ubhubhe ngomhla wesithathu (3) kule nyanga emva kokuba ethe waquleka kwihotele eseGoli.
Isithethi nesithethi simchaze njengalowo ebengesiso isithethi ethule koko umbona ngezenzo emsebenzini wakhe njengoko ebegqamile kuwo.
OnguSekela-Mbhexeshi kwiPalamente yaseMpuma Koloni uVuyo Jali, uthi ebeyinkokheli eyinto yonke uAphiwe, ekwangumhlobo.
Uthi uGcwabe ebengesiso isithethi kodwa izinto ebezenza bezingummangaliso bezibuza bebodwa ukuba inokuba wenza njani emameleka nje kwiWadi yakhe.
“Besitsiba amadangatya omlilo umhla nezolo kula Wadi. Singena sisombulula kodwa ukungena kukaAphiwe kwaba sisisombululo. Kude kwaba namhlanje kungazange kwaphinda kwabakho mlilo, kuyinzolo kula Wadi. Okubi usishiye engasinikanga ihlebo lakhe lesicima mlilo ukuba wenza njani yena.”
UJali uthi akukho ukufa okubhetele kunokunye kodwa okokuzimela ukufa kubuhlungu ngakumbi.
Othethele ooCeba baseBCM, uMelisizwe Tutu kaWadi 24 eMdantsane uthi, ebeyinkokheli elinene futhi ethobekileyo ongasoze uyive ikhwaza, ibikwangumntu omamelekayo othandwayo ngabantu bakhe akuzange kwaphinda kwabakho umlilo ovuthayo oko wathi wangena.
“Uxanduva alunikiweyo ukuba alenze yiANC ulwenzile. Khange ayihlazise ikhokhasi yeANC, uSomlomo khange axakane naye kwibhunga. Silahlekelwe eMdantsane singabahlali nooCeba. Sakumkhumbula ngothumeka nangokuwukhathalela umsebenzi wakhe nabantu bakhe.
UTutu uthi iMdantsane ijongene nomngeni wokubhujelwa ngooCeba njengokuba edize kukho olwela ubomi bakhe eICU sithetha nje.
UJali woleke ngelithi, “Asimkhalazeli thina besimbukele umsebenzi wakhe, ixhala likozothabatha isihlalo. Sibulela abazali nosapho lakwaGcwabe ngoqeqesha uAphiwe kuba ebengumzekelo omhle emncinci,” utshilo uJali.
UMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha nobekule nkozo uthi into ebeyiqaphele ibiyintlonipho kuGcwabe, engenangxolo kodwa ingxolo yakhe ibonakala emsebenzini wakhe. UNqatha uthi kukho amalungu angxolayo angenawo umsebenzi kungabonakali abakwenzayo.
“UGcwabe ukhonze abantu, ebengathi abantu mabakhonze yena. Masothuke sibonakalise ngezenzo. Masiyazi ubukho beANC, kwaye yintoni umsebenzi wayo, ngesi sikhumbuzo sikaAphiwe makumanyanwe, kothukwe, kusetyenzwe. Amagumgedle awazukusisa ndawo,” utshilo uNqatha.
Othethele ikhaya uXolile Bethela uthi nasekhayeni ebengesiso isithethi uAphiwe, ubusuke ubone ngoncumo nangokuhleka. “Simanxeba kusilimazile ukushiywa nguAphiwe. Khange athi akuba nguCeba ajike abengomnye umntu. Ebesisibane sekhaya nathi siyabulela ngaye.
Umbutho we-EFF eMpuma Koloni nawo ubuzimase le nkonzo kaGcwabe eCity Hall.
Uzakubekwa kwikhaya lakhe kulo Mgqibelo (17) kwilali iMadliki eMount Coke. Ngasemva ushiya abazali bakhe bobabini, umntwana wakhe kwanosapho lwakhe lonke.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?