UChidimma Adetshina obengenele uMiss SA nobesematheni ngenxa yemibuzo ngobuzwe bakhe, urhoxile kolu khuphiswano.
Ubhengeze oku kwikhasi lakhe lika-Instagram namhlanje, ngoLwesine.
UAdetshina unemvelaphi yaseNigeria naseMozambique ngenxa yabazali bakhe, kodwa uzalelwe eMzantsi Afrika kwaye kuthiwa abazali bakhe banamaphepha-mvume okuhlala eMzantsi Afrika.
UAdetshina ubhale kwikhasi lakhe lika-Instagram: “Ndifuna ukuqala ngokubulela wonke umntu oye wema ecaleni kwam kwasekuqaleni kohambo lwam lukaMiss South Africa. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngothando nenkxaso endiyibonisiweyo.
“Ukuba yinxalenye yokhuphiswano lukaMiss South Africa 2024 ibe luhambo olumangalisayo nangona kunjalo, emva kokucingisisa nzulu, ndithathe isigqibo esinzima sokurhoxa kukhuphiswano ngenxa yokhuseleko kunye nentlalo-ntle yosapho lwam kunye nam. Ndihamba nentliziyo ezele ngumbulelo.”
Abantu bahlukene ngokwezimvo ngalo mba, abanye bebesithi makamsuse uMiss SA kuba bekholelwa ukuba akangommi waseMzantsi Afrika uAdetshina. Ngelixa abanye bekholelwa ukuba ukulungele ukuba yinxalenye yokhuphiswano lukaMiss SA kuba wazalelwa eMzantsi Afrika.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi