UChivas unika oosomashishini isigidi semali yenkxaso

ULouis Sasha owayedlalela iqela leUTD Football kwakunye noNick Keller iMD Chivas Regal. umfanekiso: Uthunyelwe

Oosomashishini beli abasakhasayo ingakumbi abo banesakhono sokucinga kwanemibono enokuthi itshintshe intlalo baza kuthi babe nenyhweba yokuxhamla kwisigidi semali ekhutshwe yinkampani yeWhisky uChivas Regal.

Olu khuphiswano nolubizwa ngokuba yiThe Chivas Venture 2020 injongo yalo kukunika ithuba lokwabelana ngesi sigidi koosomashishini ekubeni bakhulise amashishini abo.

Umlawuli weChivas Regal SA uBlue Masoka uthi sele ingunyaka wesithandathu lo besenza olu khuphiswano onjongo zalo ikukuphuhlisa nangakumbi oosomashishini abasakhasayo beli.

Oosomashishini abakhangelwayo abanomdla wokuthabatha inxaxheba, ngumntu okwaziyo ukucinga, akwazi ukusombulula imiba yentlalo nokusingqongileyo, kwaye okwaziyo ukutsala abatyalizimali kwihlabathi jikelele.

UMasoka uthi oko kwathi kwasungulwa ukhuphiswano olu ngo2014, bangapha kwesigidi abantu kuquka namazwe angamashumi amane abancedakeleyo.

“Ayiyomfihlo into yokuba eli lizwe loMzantsi Afrika lijongene nemicelimngeni xa kuthethwa ngezendalo, ezentlalo nangokusingqongileyo efuna ukuqwalaselwa kwanokusonjululwa ngokukhawuleza. Kodwa asinakuyilibala nento yokuba sinabo abantu abatsha kwaye abanezakhono eziqaqambileyo abasenawo namaphupha kweli, neyingabo sibajongileyo ekubaphuhliseni,” utshilo uMasoka.

UMasoka uthi abahlanu kwaba somashishini nabaza kube bekhethwe njengabo bagqwesileyo ngokuza neembono baza kuthi bafumane uqeqesho lwezakhono koosomashishini asele bekhulile ngeenjongo zokubaxhobisa bakwazi nokutsala abatyalizimali jikelele.

Umnyhadala wehlabathi wokugqibela uza kubanjelwa eAmsterdam ngenyanga yeSilimela ku2020.

Wena uzaziyo ukuba isakhono sokucinga kwanokwazi ukuza neembono ungatyelela kwi-website yabo (www.chivas.com) ufake isicelo sakho. Izicelo ziyaphelelwa ngomhla wokugqibela kule nyanga sikuyo 31 October).