UMZOBI ozinze eMonti uSolomzi Mjayezi uthi ukutsalelwa umnxeba nguNjengele Bantu Holomisa “ezithoba futhi ebulela” ngomfanekiso obonisa le nkokeli yeUDM ngethuba layo lobutsha, kumenze wachulumanca kakhulu.
UMjayezi (34), waseMambendeni eGcuwa, uzobe umfanekiso kaHolomisa obonisa ngethuba wayeseyiNjengele kumkhosi wephandle ebelisaya kwaziwa njengeTranskei. Uthi kumthathe into engangenyanga ukuzoba lo mfanekiso.
“Ndizobe lo mfanekiso, kuba ndifuna uyokuhlala endlini kaNjengele. Ndifuna iNjengele iphile, ibone ukuba imisebenzi ethe yayenzela eli lizwe ayilityelwanga,” kutsho uMjayezi.
UMjayezi uthi kudala ezoba imifanekiso yeenkokeli zopolitiko ezifana noNelson Mandela, Winnie Madikizela-Mandela, Chris Hani nabanye, kodwa uyaqala ukhe atsalelwe umnxeba yinkokeli yezopolitiko.
“Indothuse kakhulu into yokubona ndifowunelwa yiNjengele, bendingayilindelanga lo nto,” utsho uMjayezi.
Ubugcisa noMjayezi buqale ngethuba esakhula eMambendeni, esenza iinkomo zomdongo futhi ekwathanda ukuzoba nasesikolweni.
“Ubugcisa zange ndabufundela esikolweni, ndikhule ndibuthanda kuphela. Kwisakhono sam ndikwabulela neAnn Bryant Art Gallery yaseMonti ethe gqolo ukundinika inkxaso,” utshilo uMjayezi.
Uthi ngoku uxakeke ngumfanekiso wobesakuba nguMongameli weANC nelizwe uThabo Mbeki kwanesiswenye seANC uOliver Reginald Tambo.
Ethetha nephephandaba I’solezwe, uHolomisa uthi wawubona kumaqonga onxibelelwano lo mfanekiso. “Ukuwujonga kwam, ndabona isakhono futhi ndavakalelwa. Yiyo le nto ndigqibe kwelokuba ndinikele ngeR5 000. Le yinzame yam yokuthi abantu abatsha mabaqhube baqaqambe ngezakhono zabo, ngokohlukana kwazo,” utshilo uHolomisa.
Onomdla kwimizobo kaMjayezi angamtsalela ku: 076 799 7957.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
Halala, utshatile uMama Joy!