Ucingisise phambi kokuba ubeke * “X” wakho ngoLwesithathu!

Ingaba na bethu sifikelele kwisigaba seyona demokhrasi kweli laseMzantsi Afrika? Apho kukho ithuba lokuba intando yesininzi singabanaso isiqinisekiso sayo?

Ukuba uninzi luza kuvotela bani? Asiqondi. Olu ulonyulo luzayo, nangona imibutho ephikisayo izithembile, luza kuthathwa kwayiANC le.

Oku ayikokuthi sixhasa iANC, oku sikutsho ngenxa yobume bezwe lethu. Emva kweminyakana nje engamashumi amabini anesihlanu asiqondi ukuba uninzi lwabemi beli bangasuke balilahle ivili nomkhonto loomakhulu nootatomkhulu.

Kuphinde kubekho nomba wokuba urhulumente lo weANC ikwanguye obonelela ngeenkamnkam ezifikelele kubantu abangaphaya kwezigidi ezilishumi elinesixhenxe.

Uthi bethu abo bantu bafumana ezo zibonelelo aboyiki ukuphulukana nazo? Bavotele umbutho othi ‘vukani nonke niyokuphangela! Akho granti ngandawo apha!’? Asiqondi.

Nangona kunjalo kubalulekile ukuba abemi beli babesezingqondweni xa beyokubeka * “X” wabo ngoLwesithathu.

UMalema ude wathi ‘ninganxili ngomhla ophambi kolonyulo!’ Unyanisile. Le nto ikukukhetha umbutho omawulawulwe yinto enkulu kakhulu. Ungaze uyijonge ngathi yinto nje encinci.

Zonke nje iivoti zibalulekile. Ukuba ubucinga ngokungavoti ngelithi ‘hayi suka, ivoti yam enye iyakwenza mehluko mni?’ cingisisa wazi ukuba loo votana yakho inye ingenza umehluko omkhulu, ingakumbi kule mibutho mincinci.

Nayo le mibutho mitsha ithembisa izinto eziphilileyo. Ukuba umntu ebenokukwazi besingamkhuthaza afunde imiqulu yezithembiso yale mibutho yonke.

Okanye ahlale phantsi namalungu emibutho awabuze yonke into afuna ukuyazi. Ukuba izithembiso zakho zihambiselana neemfuno zakho, votela bona. Kodwa kuyo yonke into oyenzayo ungakulinge uthi awuvoti.