UCoca Cola ubaseza amanzi!

Kwiinzame zokulwa iingxaki zokunqongophala kwamanzi kwiPhondo leMpuma Koloni, ngokukodwa kuMasipala weSithili saseChris Hani, abakwaCoca Cola bagrumbe oompompi ababini.

UMasipala weSithili saseChris Hani uphakathi kooMasipala abaziwayo eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika ngengxaki yokunqongophala kwamanzi.

Ukunikezelwa koompompi eDeberha, eNgcobo naseBholothwa, eNtsika Yethu kwenziwe kwahambela neveki yokuqatshelwa kwamanzi.

ICoca Cola Beverages South Africa ibambisene neSebe lezaManzi kuZwelonke, uMasipala weSithili saseChris Hani -banikise ngaba mpompi, amatanki kunye neekiriva ezinemibhalo yakwaCoca Cola.

UNtsako Baloyi ligosa elijongene neMicimbi yezeNdalo kwaCoca Cola.

“Injongo kukuqinisekisa ukuba abantu bafumana amanzi nakanjani phantsi kwezi meko zinzima kangaka kula maxesha,” kutsho uBaloyi.

Eli phulo liza emva kokuba abakwaCoca Cola bathe baqhuba uphando olubanzi ngobukho bamanzi angaphantsi komhlaba kuMasipala weSithili saseChris Hani.

“La manzi aza kugqithiselwa nakwizikolo ezine kwingingqi yaseBolotwa. La manzi asemgangathweni kwaye akulungele ukusetyenziswa ngabantu ngaphandle kwengxaki,” kutsho uBaloyi.

Kukwalindeleke ukuba la manzi ancede amafama asakhulayo alima ezigadini zawo, emizini yawo, ukuze akhulise imveliso zawo.

Kwingingqi yaseBolotwa kukho iinkqubo zokulima ezinkulu eziquka uMkhonjana neBilatye ekulindeleke ukuba zisebenzise amanzi amaninzi. Olu hlobo lwamanzi luncediswa ngokutsalwa ngombane ukusuka phantsi komhlaba, ukuze aphume ngaphandle kwengxaki.

Le nkqubo sele yenzekile eLimpopo, KwaZulu nakweli leMpuma Koloni ngokufakelwa kwaba mpompi kuMasipala weSithili saseChris Hani.

Phantsi kwale nkqubo ebizwa ngokuba yiCoke Villa Project, abakwaCoca Cola bajonge ukugqithisa ngamanzi akwiilitha ezingamashumi alithoba ezigidi kunyaka ka2021.

“Sithethe nabahlali kwezi ndawo, kwezinye iindawo sifike bekhona oompompi bengasebenzi abanye kubo, siye sabalungisa. Injongo inye ikukuzisa amanzi ebantwini,” kutsho uBaloyi.

IGosa loNxibelelwano kwaCoca Cola uNozicelo Ngcobo uthi lo msebenzi wokwenziwa kwaba mpompi ugqitywe ekupheleni konyaka ophelileyo.

“Amanzi aphantsi komhlaba maninzi kakhulu, kwaye awasetyenziswa ntweni, ngoko kubalulekile okokuba siwasebenzise,” kutsho uNgcobo.

Ulimo nokufuya kuyabetheka kakhulu kwisithili saseChris Hani ngenxa yokunqongophala kwamanzi, ingakumbi abo baxhomekeka kwimvula ukuze bafumane amanzi.

“Asikokufumaneka kwamanzi acocekileyo kuphela, koko akwanempilo entle eluntwini. Noomasipala baza kukwazi ukufumana ithuba lokulungisa iziseko zabo zamanzi,” utsho uNgcobo.

OoMasipala abaphantsi koMasipala wesithili saseChris Hani bayaziwa ngengxaki yamanzi ebangela ukufa kwezityalo nemfuyo ngokunjalo.