UCoetzee kufuneka agcine irekhodi licocekile eBhayi

Ngomso yimfazwe kaDavide noGoliyathi kumabala ezemidlalo iNelson Mandela Bay Stadium, eBhayi.

Kaloku ngomso iSpringboks siza kudlala ne-Ireland. Lo mdlalo ubalulekile kakhulu kumqeqeshi weeBoks * -Allister Coetzee. Kaloku uTutie njengokuba eteketiswa njalo ngabamthandayo ebephumelela umdlalo wakhe wokuqala njengomqeqeshi weeBoks kwiveki ephelileyo.

Umdlalo wangomso umnika ithuba lokuba aphumelele olu luhlu lwemidlalo mithathu yovavanyo phakathi kwala mazwe mabini. Ukubethwa kweSpringboks ngomso, kungaphazamisa irekhodi esele lenziwe liqela lesizwe xa lidlalela eBhayi. IiBoks sele ziphumelele imidlalo eliqela eBhayi yovavanyo, zibethe iNew Zealand ngo2011 zaphinda zabetha iScotland ngo2014.

Ngo2012 zibethe iNgilane. Sekukho izimvo ezibethanayo zabalandeli nababhali bombhoxo ngendlela uCoetzee alimise ngayo iqela lakhe. Inzalelwane yaseBhayi uSiya Kolisi uzakufumana ithuba lokuqala umdlalo kwakhona ngoMgqibelo. Abaninzi bakholelwa ukuba uJaco Kriel angakwazi ukudlala ngcono kunoKolisi. Ngaphandle kwamathandabuzo uKolisi uqhube kakuhle kumdlalo wokuqala phakathi kwalamazwe mabini, kodwa kwiveki ephelileyo ebebonakalisa ukuwehlisa umgangatho.

Impumelelo kaCoetzee ingavala imilomo yabagxeki bakhe abaninzi, nabebesele bembiza ngamagama kwiveki ephelileyo emva kokuqhuba kakubi kweeBoks kwisiqingatha sokuqala. Emva kwempumelelo yeeBoks kwiveki ephelileyo khange akwazi ukuzibamba uCoetzee uye wacela kule yabantwana. Into ezakuba ngumceli mngeni ngomso ngabadlali abazakuqala ukudlala kunye, kodwa asiyo nto engakhange yenzeke ngaphambili.

UCoetzee unethemba lokuba iqela lakhe lizakubuya nempumelelo kwaye uyibethelele into yokuba abadlali bakhe bayakwazi ukubaluleka kwalo mdlalo.

“Izakuba lidabi elikhulu phakathi kwala mazwe mabini kwakhoba ngoMgqibelo,” utshilo uCoetzee. Okuhle kodwa maBhokobhoko.