UCyril Ramaphosa ulilisana neentsapho zamaxhoba abulelwe eLusikisiki!

UMongameli welizwe loMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba ayi18 adutyulwe abhubha ngobusuku bangoLwesihlanu ophelileyo kwilali yakuNgobozana, eLusikisiski.

Uninzi lwamaxhoba ngamakhosikazi ekuthiwa ebelungiselela umsebenzi wezila wamalungu osapho nawo awabhubha kunyaka ophelileyo ngokudutyulwa nawo ngabantu abangekaziwa nanamhlanje njengoko kungebanjwa mntu.

UMongameli uRamaphosa uqinisekise iintsapho zababhujelweyo ukuba amaPolisa aza kuphanda konke okwenzelekileyo futhi ababulele abantu baza kujongana nengalo yomthetho.

Isithethi sikaMongameli, uVincent Magwenya, uthe kula mmandla wesiganeko kukwabekwe abecuphi akhethekileyo kwanengcaphephe eziza kuncedisa uphando lwamapolisa anikwe uxanduva emva kwesehle.

AmaPolisa aseMpuma Koloni awabhengezile amagama amaxhoba namhlanje emini.

1. Thobile Sinqina -37

2. ⁠Nonkanyiso Dukuza -19

3. Ruth King – 21

4. ⁠Mandisa Dlokweni-59

5. ⁠Samantha Sinqina female 26

6. ⁠Lungiswa Gawulekana- 51

7. ⁠Thandeka Mhlaluvele – 46

8. Mary Sinqina -63

9. Nombuliso Dukuza- 32

10. Mathembisile Mayekiso/Sinqina -64

11. ⁠Nobelungu France -59

12 Themi Vimba- 41

13.Nomazwi Ndleleni -59

14. Smomoza Sinqina -14

15. ⁠Nancy Sinqina -59

16. ⁠Dimpho Sinqina -30

17.Thali King Sinqina -26

18. Sigobodo Gxobela – 59,

Amabini amaxhoba alwela ubomi bawo esibhedlele. UMagwenya uthe uMphathiswa wamaPolisa kuzwelonke uSenzo Mchunu uza kutyelela emzini ohlelwe lilishwa eNgobozana. “Ndibongoza abahlali bakhululeke ukunikeza kwanokuncedisa ngolwazi kubaphandi ukuze kubanjwe abarhanelwa ukuze ziqhube iiNkundla,” utshilo uRamaphosa.