UDalindyebo uguquke wathanda inkonzo

Amalungu emibutho yezopolitiko ephambi kwejele yaseWest Bank eMonti ngoMvulo, ngelithi makukhululwe uKumkani Buyelekhaya Dalindyebo UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

ZITHI zakufika iinzingo eziza ngenxa yokuvalelwa eziseleni, iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo aguqe phantsi athandaze.

Oku kungenxa yokuba le kumkani, esele ihleli ejele iminyaka ephantse ifikelele kwisithathu, ixhalabile ngemeko yesizwe sayo.

UDalindyebo uqale ukudontsa isigwebo sakhe seminyaka elishumi elinesibini kweyoMnga ngo2015, kulandela ukufunyanwa enetyala yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha ngo2009. Amatyala akhe enzeka ngo1995 nango1996, apho athe wafunyanwa enetyala kumatyala okuxhwila, ukutshisa kwanokujongela phantsi ingalo yomthetho.

Kule veki iqela lamatshantliziyo ezopolitiko kwanabefundisi babambe umngcelele osuka kwiHolo yeSixeko saseMonti usiya kwijele yaseWest Bank, apho agcinwe khona uDalindyebo.

Lo mngcelele, ngokokutsho kukaNkosana Mthunzi Langalibalele Ngonyama, ngowokufaka uxinizelelo kuMongameli Cyril Ramaphosa ukuba asebenzise amagunya wakhe woMgaqosiseko ukuze axolele uDalindyebo.

“Lide eli thuba ikumkani yethu ikhonkxwe kwizisele ezimnyama. Noko yinto engasiphathi kakuhle le yokubanjwa kwekumkani yethu,” utshilo uNgonyama.

UNgonyama ukhe wachiphiza iinyembezi phambi kwamasango ejele yaseWest Bank ngethuba efunda uxwebhu abalibhalele urhulumente.

Phakathi kwabo bebebambe umngcelele ibiligqwetha elaziwayo kwanosihlalo weEFF kuzwelonke uAdvocate Dali Mpofu.

UMpofu uthi bagqibe kwelokuxhasa lo mngcelele kuba usekelezelwe kokuhle. “Thina siyiEFF sayixhasa ikumkani kwakusuku lokuqala lokuvalelwa kwayo. Sikholelwa ukuba uMongameli Ramaphosa noko ufanele ukuyixolela ikumkani,” utshilo uMpofu.

UMpofu uthi iyadanisa into yokubona urhulumente wentando yesininzi ekhokelisa ubunganga bomthetho wamaRoma (Roman Dutch Law) endaweni yomthetho wemveli.

“Inkqubo yomthetho weli lizwe intlantlombini, kukho oweza nabantu baphesheya kuphinde kubekho owemveli owawukho kwantlandlolo. Kutheni le nto umthetho oweza nabantu bangaphandle uxatyiswe ukogqitha lo wemveli?” kubuza uMpofu.

UMpofu uthi uDalindyebo wawenza la matyala avalelelwe wona njengenkokheli yoluntu, hayi ngokwesiqu sakhe. “Into awayeyifuna kukukhusela uluntu lwakhe,” kutsho uMpofu.

Unobhala weAzapo kweli phondo, uChris Swepu, uthi bebembhalele uRamaphosa kweyeSilimela kulo nyaka befuna ukuba asebenzise amagunya akhe ukuze akhulule ikumkani, kodwa abakhange bafumane kuphendulwa.

Ephefumla ngemeko kaDalindyebo, uNgonyama uthe: “Yena ungumntu othandazayo kuba le meko akuyo ifuna kwanongenelelo loPhezulu. Kukho amaxesha anzima, kodwa anyamezele. Kodwa ke eyona nto imphilisayo ngabantu abamxhasayo. Uxhalabile kakhulu ngesizwe sakhe, yinto ayifunayo naye ukuphuma ejele ayokujongana nesizwe sakhe.”

Uxwebhu lwabo baxhalabe ngemeko kaDalindyebo ludluliselwe kwabasemagunyeni eWest Bank, nabathembise ngelithi baza kulisa kwiofisi yabo kazwelonke.