Liye labuyiselwa ithemba kwakhona kubahlali base-7de Laan kwindawo eHelenvale kumantla eBhayi ngethuba kutyelele usodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uDanny Jordaan kula mmandla ekunye negqiza lakhe.
Injongo yale ndibano ibikukusombulula imicelimngeni ejongene nabahlali base-7de Laan. Ngokokutsho kwesithethi sala masipala uMtubanzi Mniki, indawo yase-7de Laan yenye yeendawo ezichaphazelekayo kulwaphulo mthetho oluphezulu, ukusetyenziswa kweziyobisi gwenxa, ukhulelo labantwana abangamantombazana abaselula, ukugquba koonqevu, intswelangqesho kwanokungabinazazisi kweemveku.
Uthi usodolophu uye walandelela ngoyokutyelela emveni kokuva ngezi ngxaki zijongene nabo, nalapho aye wadibanisa umasipala kwakunye namasebe karhulumente ngentsebenziswano kwanongenelelo ixesha elide kwiinkonzo zikarhulumente. Uluntu beluzalise iholo lecawe yaseHelenvale bekunye namagosa karhulumente awohlukeneyo.
Ethetha nabahlali, uJordaan uthe: “Ndiza kuqinisekisa ukuba amasebe ayasebenzisana nale ndawo ndifuna sizibophelele. Ayamkelekanga into yokuba abantu bale ndawo bangaxhamli kwiinkonzo zikarhulumente zibe zixhamla ezinye zeendawo ezikulo mmandla. Oko makuphele ngoku.”
Ukwacele uluhlu lamagama olutsha olungaphangeliyo luhleli nje emakayeni ngeenzame zokuncedisana nabo. Abahlali baye banikwa nethuba lokuba nabo bathethe bavakalise izimvo zabo kule ndibano nosodolphu, abanye babo baye balibulela utyelelo lakhe, lo gama abanye baphakamise ezinye zeengxaki abajongene nazo ezifana nokulungiselelwa iipali zombane, ulukulungiswa koophayiphi belindle kwanokulungiselelwa kwezindlu zetyhutyana kwabo bangamaxhoba okutshelwa ngamatyotyombe abo.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!