UDe Lille waqhathwa ngamaqebengwana akwamlungu

Yazi ndandikhe ndayile nto amakhumsha xa ethetha ngayo athi yi- “token black”.

Intsingiselo ke yale nto ngumntu omnyama othandwa kakhulu ngabelungu bade bambeke kwizihlalo eziphezulu, bamnike amaqithiqithi amaninzi, ade naye urheme azibone engumlingani kwaneqabane laba bamweke.

Enye yezinto ezenza umntu afakwe kolu luhlu lwaba bantu bamnyama bangamathenjwa, abelungu, iba kukuba balinganwa twatse yindima elungele uphuhliso lwezinto zonke ezingqamelene nabantu abamhlophe.

Ufika xa kuthethwa ngathi okanye nathi zi-token black besithi abelungu, “uDee Lukes akafani nabanye abantu abamnyama, unengqondo yena kwaye ufundile.”

Uve ubongwa kusithiwa nendlela othetha ngayo isiNgesi iphucukile kakhulu kuneminye imidaka emnyama efana nawe.

Kubamnandi kubesegcibhala ngeli xesha usavumelana nabo abondli bakho, kodwa khangela mhla waze waphikisana nabo ngeembono kwimiba nokuba ingakanani na.

Mna mntu okhe wehlelwa yile meko ndibazi kakuhle ubumuncu bezidiliya xa sele uveza olwakho uluvo, ubona ngokuqala kubekho iintlanganiso emacaleni ngaphandle kwakho apho kuthathwa izigqibo zokuba kuguzulwe wena esihlalweni.

Lo nto ke la genge imweke iyakhawuleza nokufumana umntu abaza kumfaka endaweni yakho, mntu lowo onyolukele la maqithiqithi ubuwafumana naye ade angene zwabha kwakeli gumgedle liceba ukuguzula esihlalweni.

Ndingakhange ndibe ndinibalisele ibali lam lonke nelabantu abaninzi abafana nam mandingqale ngqo apho kufele khona ithole.

Nisakhumbula ngonyaka ka2003 ngenyanga yeSilimela mhla kwakusekwa iqela lezopolitiko ekwakusithiwa yi-Independent Democrats?

Eli qela lasekwa ngumama uPatricia de Lille nowaye lilungu leNdlu yoWisomthetho emele iqela lePAC, sithe sisalibukele eli qela litotoba lisiza entweni lasuka labhengeza ngo2010 ukuba lona lizimanya ngeqhina lomtshato nombutho iDA.

Xa lalizathuza ke lalisithi le nto liyenza khona ukuze libe yinxalenye yombutho omkhulu ozakuba namandla okuba ngumcelimngeni onguwo kwiANC.

Singumzi omnyama sayijonga le nto satsho sonke ngamxhel’ omnye ukuba i-ID le yenza eyona mpazamo eyakhe yankulu, kodwa saqonda masiyiyeke ngokuba izakuba ngathi sinomona walo mtshato.

Umbutho weID ungene kulo mtshato neDA ingumasilingane, kodwa ngo2014 lo mbutho wazichitha iintente zawo waginywa yiDA ngokupheleleyo. Nantso ke enye impazamo yawo.

Ndiyafuna ukuthi ooDe Lille aba baqhathwa ngamaqebengwana akwamlungu, banikwa inqatha, bathenjiswa izulu nomhlaba khona ukuze bathengise ngobubona kwiDA.

Kuye kwamnandi iminyaka esixhenxe kulo mendo wamaqithiqithi, kodwa siye sabona ngoku umama uDe Lille enelizwi nezenzo ezingathandwayo ngabelungu/baphathi bakhe beDA.

Elowo nalowo uthetha elakhe ibali, kodwa inye into esiyaziyo thina kukuba ngoku uthando luphelile, kumuncu yonke into emendweni.

Sincokola nje mhlobam ubulungu bukamama uPatricia de Lille kwiqela leDA burhoxisiwe, ngamazwi avakalayo ugxothiwe.

Lo nto ke yenza ukuba angakwazi ukuba nguceba walo mbutho kwibhunga likamasipala olawula iKapa, ithi lo nto akakwazi ukuqhubeka enguSodolophu wesa sixeko.

Ukuva kwam ezi ndaba ndihleke ndedwa kuba kaloku kubanjalo kakade ukuhliswa kwe-token black xa iphuma izithuba ifuna ukuzicingela iziqiqele ngokwayo. Akukho nto wena mnta’ka de Lille, xa abelungu begqibile ukusebenzisa ibangamayelenqe umhla nezolo.

Xa ndisivala esi sibhalo mandisivale ngamazwi esilumko esintsundu athi, ‘Yhuuu! abelungu!’