Ude wangcwatywa ebekubangiswana ngelungelo lokumgcwaba

UDE wangcwatywa owasetyhini waseTsholomnqa emva kweeveki ezimbini kubangisana ngesidumbu sakhe. UThembeka Dikileyo okhaya likwilali yaseKhiwane eTsholomnqa wasweleka kwingozi yemoto ngomhla weshumi elinesihlanu kaJulayi. 

Usapho lakwaTshula akhulele kulo lothuswa kukufika kosapho lakwaYaso kwakulelali ngelicela ukungcwaba umzimba wakhe lisithi ubeyinkosikazi wonyana wolusapho uXolani. 
Emva kokungabikho mvisiswano ezintsapho zarhuqelana ezinkundleni. Ngolwesine weveki ephelileyo iJaji ebimamele lomba kwinkundla ephakamileyo eBisho igwebe ngeliyalela ezintsapho ukuba zisebenzisane kungcwatywe.
 
Indwendwe ebezizimase lomngcwabo beziphekelwe kuwo omabini lamakhaya. Usapho lakwa Yaso ithe iyasamkela isigwebo senkundla, kwaye bekungekho nemfuneko yokuba ezintsapho zisane ezinkundleni. Olusapho likwathe akusekho liyakuphinda liyithethe koonondaba ngoludaba. 
Nosapho lakwaTshula akhulele kulo umfikazi lithe lalizamile ukuba lomba usonjululwe kungayiwanga kwiinkundla. Obethethela olusapho uSipho Skama uthe, “Esikuvuyelayo kukuba uManhonho uyangcwatywa, zezintsapho zombini emva kokuba ijaji ithe mazidibanise iintloko kungcwatywe.” 
Olusapho likwathe ijaji khange iyiqwalasele eyokuba ebetshatile okanye engatshatanga, kwaye lowo ngumba eliyakuwuqwalasela xa uphinde wavuka.