Ude waphuma kwikhonteyina uNobendiba

Uceba kawadi 52 uNcumisa Mahango kunye noNobendiba Thuthani.

Emva kokuhlala iminyaka engaphezulu kweshumi elinesihlanu eminyaka (15) kwikhonteyina, ude wayifumana indlu uNobendiba Thuthani oneminyaka engamashumi amane anesithoba ubudala okwangumhlali waseDelft, eNtshonakoloni.

Lo kaNobendiba ophila nokukhubazeka uthe kwindawo ebehlala kuyo imeko ibimbi kakhulu kuba ebengakwazi ukuphumela phandle nanjengoko esebenzisa isitulo esinamavili ahamba ngaso besingakwazi kuhamba ngenxa yentlabathi ebigcwele kule ndawo.”Besendilahle ithemba lokuba ndakuze ndifumane indlu eyeyam ngenxa yezethembiso ebekudala zisenziwa kodwa zingafezekiswa”,utsho uThuthani.

Watsho esithi unobangela wokuba ahambe ngesitulo esinamavili kukuba ngethuba esakhula kwafunyaniswa ukuba unesifo sePolio esabangela ukuba amazantsi akhe angasebenzi.Uqhube wathi,”Ubomi bebunzima kakhulu kuba bendingakwazi kuphumela phandle kanti ngoku ndifumene le ndlu ndizakukwazi.”

Ngaphambi kokuba afumane indlu, uNobendiba ebehlala kwikhonteyina nalapho wathi wakhutshwa kuyo wasiwa kwindlu yethutyana nathe wahlala kuyo iinyanga nje ezintathu ukuya kwezine kuyo, nanjengoko sele enikwe indlu yakhe enamagumbi amabini okulala,ikhitshi, indawo yopkuphumla, kunye nendlu yangasese.

“Into endivuyisa kakhulu kukuba abantwana bam bazakutsho baphumle kuba bendisebenzisa ibhakethi ukuzikhulula ze bona bahambe bayolahla kwindlu yangasese engaphandle”,utsho uNobendiba.

Lo kaThuthani uhlala nabantwana bakhe abane kuquka nomzukulwana wakhe, nalapho athe abantwana bakhe bazakutsho bakwazi ukusebenza ngaphandle koxinizelelo esikolweni nanjengoko ebebona ukuba imeko yekhaya labo iyabaphazamisa kakhulu.”Ndibulela wonke umntu obenesandla ekuqinisekiseni ukuba ubomi bam nosapho lwam buyatshintsha, ndizakutsho ndikwazi ukulala ubuthongo obehlayo ngoku”, utsho uThuthani.

UNosabatha Thuthani, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala noyintombi endala kaNobendiba, uthe ukufumana kwabo lendlu bubomi obutsha kubo kuba bebenzinyelwe kakhulu.”Umama uzakuyeka ukusebenzisa ibhakethi ukuzikhulula kuba lendlu siyakhelweyo inayo indlu yangsese apha ngaphakathi kanye,kwaye ithi lonto nathi sizakuphumla”,utsho uThuthani.

Ekwavakalisa ukuba ebengakwazi nokufuna amatorho kuba bekunyanzelekile ashiyeke nomama wakhe,ntoleyo athe uzakukwazi ukuyenza ngoku.

UNcumisa Mahango nonguceba wakwa ward 52 uthe ngethuba befaka usapho lwakThuthani kwindlu yethutyana sathembisa ukuba umnqweno wethu kukubafumanela lendlu indlu ntoleyo siyenzileyo kwaye siyavuya kakhulu.

“Nanjengoko sasithembisile ukuba sizakubafaka endlini, siyavuya kuba eso sithembiso sisigcinile”, utsho uMahango.