Udelele imithetho karhulumente ofunyenwe eneCorona ephondweni!

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba ngoMvulo uveze ukuba intwazana enamashumi amabini anesibhozo nefunyaniswe inentsholongwane yeCorona emva kokutyelela eJamani, ityeshele imiqathango karhulumente izolo (ngeCawe) isithi yona “inamalungelo” ngoko ke ayinakuhlaliswa yodwa.


Le ntwazana ekuvakala ukuba isebenzela eminye yemizimveliso emikhulu eMonti ifunyaniswe ineCorona ngoMgqibelo emva kokuvavanywa kwisibhedlele sabucala iSt Dominics.

NgeCawe, ngokokutsho kukaGomba, iqhankqalaze yama entla isithi yona ayinakuhlaliswa yodwa.

“Esi sigulana sizikhulule kwindawo ebesibekwe sodwa kuyo sikhala ngamalungelo waso. Le nto ibeka emngciphekweni abanye abantu kwaye simemelela abomthetho ukuba bangenelele nakuye nawuphi na umntu otyeshela imithetho ebekiweyo yokulawula le ntsholongwane.

“Amalungelo akhe asokuze odlule awabanye abantu,” utshilo uGomba, ekwagxininisa ukuba esi sigulana sigcinwe kwindawo yaso yodwa kwakhona emva kokubaleka elugcinweni.

KuFacebook wakhe ngeCawe, iNkulumbuso uOscar Mabuyane uthe abezomthetho baza kuthabatha amanyathelo ngakwabo bangafuni kuthobela mithetho karhulumente.