UDEMWO: Sisithuko kumanina eli ukonyulwa kukaBathabile

UMbutho wamanina, ongumbutho ophikisayo iUDEMWO, uthi uhlengahlengiso oluthe lwenziwa nguMongameli weAfrican National Congress kule veki lusisithuko kumanina eli loMzantsi Afrika.

Ezi ntetha ziphuma kunobhala jikelele weUDEMWO uThandi Nontenja kuba bengonelisekanga lutshintsho oluthe lwenziwa nguMongameli uCyril Ramaphosa ngokuthi afake kwiofisi yakhe obesakuba ngumphathiswa wentlalo yoluntu kuzwe lonke uBathabile Dlamini, apho aza kujongana necala lamakhosikazi.

Encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, udize ukuba uDlamini woyisakele kwisebe ebekulo lokujongana nentlalo yamanina kwakunye nabantwana, kwakubekiselaphi xa aphinde ajongane namanina kwakhona kwiOfisi kaMongameli.

“Awukwazi ukuthatha umntu owoyisakele kwindawo ebebekwe kuyo ngaphambili ucinge ukuba uzofika agqame enze utshintsho, ayenzeki leyo into. Uza kusidodobalisa kwakhona singamanina uDlamini, sakuhlala ndawoni inye. Into ephezu kwayo iANC kukwanelisa yona ngaphezu kokwanelisa ilizwe loMzantsi Afrika. Asonelisekanga kwaphela lolu utshintsho.

Kuthi lusibonisa ukuba awukho umahluko phakathi kukaRamaphosa kwakunye nobesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma,” utshilo uNontenja.

Akukho tshintsho azakuthi eze nalo kuba alukho kumanina la awaphetheyo kwiANCWL.

UNontenja uthi, amanina ngawona asoloko engamaxhoba kwaye ajongene nemingeni yemihla ngemihla kweli loMzantsi Afrika kwaye lelona sebe ekufanele ukuba lithathelwa ingqalelo.

UBathabile Dlamini ubekwe kwiOfisi kaMongameli apho azakuthi ajongane namakhosikazi eli loMzantsi Afrika.