Udilikajele kowabulala intokazi nomama wayo!

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi lisamkele isigwebo sezihlandlo ezibini zobomi ezithiwe nka kwindoda eyabulala intokazi eyayincuma nayo kwakunye nonina wentokazi yayo kuba wasuka wangenelela kwingxabano eyayiphakathi kwesi sibini.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali ithi uMoshoeshoe Falatse , 34, ugwetywe yinkundla ebichotshelwe eSterkspruit emva kokuba efunyenwe enetyala lokuhlaba esi sibini asibulale kwikhaya labo eliseTienbank ngo2020.

Ababulawayo nguNthati kwakunye nomama wakhe uPulane Lento emva kokuba aba babethandana babanengxabano nekulapho uPulane waye wangenelela enqandela intombi yakhe.

UTyali uthi uFalatse wabuyela ngobusuku kweli khaya engena ngefesitile, wafika wangqala kwintokazi yakhe emva koko wangena kunina wentokazi. Unobangela yayikukuba uFalatse wayengavumi ukulahlwa nguNthati.

UFalatse phambi kwenkundla udize ukuba usapho lukaNthati beluncedwa nguye ngokwezezimali nangethuba uNthati eseCeres eNtshona Koloni ebenceda eli khaya. Enkundleni, uFalatse ukwadize ukuba ebengazenzi kuba waye wafakelwa umthi owaziwa ngokuba yivamna nguNthati.

UFalatse ebengamkeli ukuba uNthati waqhubekeka nobom eNtshona Koloni.

UMtshutshisi uLuvuyo Pomola ucenge inkundla ukuba uFalatse anikwe isigwebo esiqatha, esithi nesobom simfanele, njengoko esithi ukuphathwa gadalala kwabantwana namanina yinto eliwayo kweli loMzantsi Afrika nakweli phondo.

OnguMlawuli kwezoTshutshiso kweli phondo uBarry Madolo uqwabele izandla amapolisa kwanabaphandi betyala, esithi esi iya kuthi ibe sisifundo nakwabanye.