Udilikajele kunyana owabulala abazali ngenxa yemali

Ugwetywe izihlandlo ezine zobomi esejele yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha, uThobani Kesa (39), emva kokufunyanwa enetyala lokubulala amalungu amane osapho lwakhe, intsusa yaba kukuba engagqitywanga ukubhatalwa iR20 000 awayethenjiswe ngayo ngabazali bakhe xa ethe wakha indlu.

Abazali bakaKesa bacela uKesa kwakunye nomninawa wakhe ekubeni bakhe indlu kwikhaya labo njengoko benesakhono sokwakha kwaye beza kubhatalwa njengangcibi zonke xa begqibile.

Ingxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso ithi abazali bakungafezekisi isithembiso baye babulawa. Aba babulawayo ngumama wabo, utata wabo, dade wabo kwakunye nomtshana wabo, kwafikwa betshe beluthuthu kwikhaya labo kwilali iTienbank eSteke, iyinyanga yeKhala ka2018.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi uKesa wayinikwa idiphozithi ngabazali bakhe baze baqalisa nokwakha nabo indlu, nangona bangazange bayigqibe, neyaqalela apho imbambano befuna ukuba bagqityezelwe ukubhatalwa.

Ingxelo iqhuba ithi esi sibini saya kwiinkundla zamatyala osapho beyokufuna imali yabo ngenkani kubazali babo, nekulapho uKesa wathuka abazali bakhe esithi umama wakhe ukwalilo negqwirha. Abazali baphela bevula ityala nabo bevulela oonyana babo ababaxhaphazayo, bebathuka qho kwaye bekwabagrogrisa ngokubabulala.

Amachaphaza egazi ala malungu osapho afunyanwa kwiimpahla zikaKesa yedwa, nento ebonakalisa ukuba waqala ngokubabetha phambi kokuba ababulale kwaye abatshise.

UTyali uthi asiyonto iqhelekileyo into yokuba umntu abulale amalungu akhe osapho kwaye esi sigwebo sibonisa ukuba iNPA izimisele ukuqinisekisa ukuba abantu abenza ulwaphulomthetho bohlwaywa ngendlela efanelekileyo kwaye esisifundo nakwabanye.