Udilikajele kwindoda edlwengule obencuma noyise!

Inkundla yengingqi yamatyala kuQumbu igwebe ubomi uKatiso Mpita (31), emva kokumfumana enetyala lokudlwengula inkosikazi (51) eyayikade incuma notata wakhe ongasekhoyo.

Ingxelo ephuma kwiNPA ithi ngaphambi kokuba utata wogwetyiweyo abhubhe ngo2018, wayencuma nexhoba elidlwenguliweyo kwaye benomntwana bobabini oyinkwenkwe.

Ingxelo iqhuba ithi emva kokubhubha kukatata, uMpita wazicelela uthando kwesi sithandwa sikatata wakhe, bavumelana kodwa neyaba yinto yethuba elincinci yaphela.

UMpita wadibana nexhoba lihamba lodwa kwilali yakwaNondyadya kuQumbu. Walirhuqela kwikhaya lakhe walidlwengula. Kwakusa ixhoba lavukela kwisikhululo samapolisa eKat’Kop lavula ityala.

Ngethuba kuqhuba ityala ngaphakathi enkundleni, uMpita waphika ukuba udlwengule umama kabhuti wakhe omncinci.

AbeNPA basamkele esi sigwebo.