Udilikajele kwinkazana eyabulala umamazala nomolokazana!

Baza kuchitha ubomi babo bonke entolongweni abafunyenwe benetyala lokubulala umamazala kwakunye nomolokazana wakhe kwindawo yaseCeletyuma eNgqushwa.

Aba bagwetywe yiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, ebichotshelwe eBhisho ngoMvulo kule veki.

Aba ngowayesakusebenza kwiSebe lesiPolisa uNomvula Zondwa (57), nowayencumisana nonyana womama owabulawayo, uThamsanqa Hlamandana (32), uLwando Lengisi (32), Ayabulela Mahokoto (27) kwakunye noNkosinathi Junior George (24), umntu ngamnye uye wagwetywa ngokwendima athe wayidlala ekugwintweni kukaCingiswa Mila kwakunye nomamazala wakhe uBoniswa Toba.

Ngokwengxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), ubungqina obathiwa thaca phambi kwenkundla buthi uZondwa nguye owaququzelela ukubulawa kwesi sibini kuba wayethandana noMandla Toba ixesha elide ongunyana kaBoniswa.

UToba watshata uCingiswa Mila, engayekanga ukuthandana noZondwa.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali uthi uZondwa wacela igqirha ahamba kulo laseGqeberha ekubeni lidibanisele abantu abaza kubulala lo utshatiweyo, uCingiswa, nabaye bavumelana.

Ngomhla we11 kuTshazimpuzi ka2020, amadoda amathathu angena kwaToba eCeletyuma kwikhaya lamaxhoba beyokwenza umsebenzi wabo. Omnye kubo washiyeka emotweni logama ababini bangena ngaphakathi endlini.

Ukungena kwabo bafika babophelela esi sibini ngentambo besihlaba de basibulala, emva koko babaleka.

Inkundla ithi umakhulu uToba wayengekho kwizicwangciso zokubulawa, oyena mntu wayefunwa nguCingiswa, kungoko iminyaka yongeziwe phezu kwesi sigwebo sobomi.

Esi sithathu safuna enye imali ekubeni yongezwe nguZondwa kuba bebulele nomakhulu. UZondwa kwangoko wafaka imali eyiR73000 kwiakhawunti yegqirha uHlamandana.

OnguMlawuli kwiiNkundla eMpuma Koloni uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo, ukwaqhwabele izandla abecuphi betyala.