Udilikelwa ngumgodi uKamala Harris eMelika

Udilikelwa ngumgodi uKamala Harris eMelika. Umfanekiso: Saintel Daily

Nangona kusekutsha ukuba kungathethwa into eqinileyo malunga neziphumo zonyulo lwaseMelika, kodwa kubonakala ukuba udilikelwa lidonga uKamala Harris okwangoku.

Kwezona ndawo ziphambili eziquka iPennsylvania, uDonald Trump usathe chu ngcembe ehamba phambili ngamanani kunoKamala Harris weDemocratic Party.

Kubalo lwevoti osele lwenzekile, uTrump ufumene iivoti ezingaphezulu kwezigidi ezingamashumi amathandathu anesithoba (69,956,482) logama, uHarris ehamba emva ngeevoti ezingaphezulu kwezigidi ezingamashumi amathandathu anesihlanu (65,854,607).

Oku kuthetha ngokwepesenti, uTrump ufumana ngaphezulu kwamashumi amahlanu eepesenti (51.1%), logama uHarris yena efumana ngaphezulu kwamashumi amane anesixhenxe eepesenti (47.4%).

UTrump uhamba phambili kwezona ndawo zibalulekileyo kolu lonyulo – ezo ziquka iindawo ezisixhenxe eziquka, iNorth Carolina kwakunye neGeorgia.

Kukho iingxelo zokuba inkampu kaHarris ixhalabile ukuza kuthi ga ngoku ngenxa yendlela ezibonakala ngayo iziphumo zonyulo lwaseMelika.

Abahlalutyi bezopolitiko bebetshilo ukuba uHarris akacacisi ngokwaneleyo malunga nemicimbi yemigaqo-nkqubo eza kulandelwa phantsi kwakhe njengoMongameli.

Umcimbi wabaphambukeli, amaxabiso okutya, iimfazwe ezimbini phakathi kwePalestina noSirayeli kwakunye naleyo iphakathi kweRashiya neUkraine zinegalelo elikhulu kwindlela abantu abathathe ngayo isigqibo sokuba bavotela bani.

Ukuba uyaphumelela kolu gqatso uTrump, uyakuba nguMongameli wela lizwe wamashumi amane anesixhenxe.