Udilize izindlu umoya eMalahleni

Enye yezindlu ezidilizwe ngumoya eMalahleni.

Umoya obhudla ngamandla obukhatshwa ngumsinga obubanda ngamandla nogaleleke kwiilali zaseMalahleni naseNgcobo, ushiye imizi emininzi ingenandawo yokufihla intloko.

Ingxelo yesebe elijongene neentlekele kwisithili saseChris Hani, ithi nguMasipala waseMalahleni nowaseNgcobo abachaphazeleke ngamandla. Osisithethi somasipala waseMalahleni uLuthando Nqumkana uthi abakwazi kunika inani elipheleleyo nomonakalo okwangoku.

“Ukusukela oko kwenzeke le ntlekele, amagosa wethu ajongene neentleke, amagosa esebe lentlalontle nesithili saseChris Hani basathe bhazalala kwezi wadi zichaphazelekileyo, beqokelela ulwazi,” kutsho uNqumkana.

Lo monakalo wenzeke emva kwengxelo ibikhutshwe zizanuse zezulu ngeilithi kukho umsinga ovela ngaseKapa oza kuphindaphinda noza kuphumela eMpuma Koloni.

Kulo monakalo akukho mntu uchazwe ukuba ulimele koko zizindlu neempahla ezithe zonakala.

Kuthwa kuMasipala waseNgcobo kuchaphazeleke uwadi 9,12 no14 kwaye kulindeleke ukuba likhule inani lemizi efumene ingxaki nanjengoko kusaqokelelwa ulwazi.

“Apha kuthi eMalahleni nguwadi 6, Matyhantya neziphaluka, wadi 9 nakwa12 kweza ngingqi zaseMkhaphusi neziphaluka,” kucacisa uNqumkana.

Eli xesha lasebusika lixesha lesivuthevuthe somoya othi ubangele iintlekele kwiindawo ezininzi kuMasipala weSithili saseChris Hani.

“Sikhathazekile ngenxa yoku kuba konke kubangela intlungu kwintlalontle yoluntu loMasipala waseMalahleni, yinto engekho ntle ke leyo, kodwa uphando lwamasebe karhulumente luza kusinceda,” kutsho uNqumkana.

KwaWadi 5 eMalahleni umbane uqhawuke izihlandlo ezininzi nekubangele ukuba amagosa akwaEskom abe zizinxadanxada ebopha iintambo eziqhawukileyo. Ikhephu ebelilindelwe ngabahlali alikhange lifike nanjengoko ilixesha lekhephu eli.

“Xa sele kugqityiwe ukwenziwa kophando, ingxelo epheleleyo iza kukhutshwa logama kuza kuba kuncedwa noluntu oluchaphazelekileyo. Ekuqaleni kwalo nyaka eDikeni, abahlali badilikelwe zizindlu ngenxa yemvula ehamba nomoya eyabangela umonakalo kwintlalo yoluntu. Ukanti abahlali eMalahleni batyhola uMasipala ngokurhuqa unyawo ukuzisa uncedo emva kwezi ntlekele. ULwandile Solange udilikelwe yindlu ngoDisemba wonyaka ophelileyo. Ndayichaza kwiofisi kaCeba, kweza umntu okuthwa yiWadi Komiti, oko ndandilindile, andikaphendulwa nangoku,” kucacisa uSolange.