UDisebo uhambisa ivangeli ngeengoma zothando

Imvumi yeAfro Soul uDisebo umfanekiso: uthunyelwe

Imvumi yomculo weAfro Soul uDisebo oyinzalelwane yakwaMashu KwaZulu Natal, ukwiphondo leMpuma Koloni apho athengisa khona icwecwe lakhe elitsha kraca elithi “Colours of Love”.

Eli cwecwe, neyilelokuqala kule mvumi, sele lifumaneka kwiivenkile ezithengisa umculo kumaphondo onke eli kwaye sele zidlalwa nakoonomathotholo beli iingoma zakhe .

UDisebo (31) uthi sele iyiminyaka eliqela ecula njengoko iluthando kwaye iyinto ayiphilayo umculo.

Kwindlela yakhe esele eyihambile kumculo kwiminyaka edlulileyo uthathe inxaxheba kukhuphiswano lomculo ii-Idols, Yamaha Talent Search, Castle Milk Stout Talent Search walilo nelungu leqela legospile elibizwa ngokuba yiRare.

Encokola kumagumbi ephephandaba I’solezwe uthe, kwingoma zonke ezingaphakathi kwicwecwe lakhe zithetha ngothando kwaye xa uzimamele ziphilisa umxhelo.

Uthi ayithandayo kwiingoma zakhe yethi ‘Nkqonkqoza’ okanye ethi ‘Joy’ kodwa esithi zonke iingoma zakhe nganye inembali.

“Iingoma ezi zingamava wam kuba ndikhule phantsi kothando kwaye ndiboniswa ngokubaluleka kothando. Kungoko zonke iingoma zam zingothando kwaye esele kubalulekile kule sikuyo imihla, luthando. Ngokuzithengela uzimamelele eli cwecwe kuzakutshintsha nto kuwe.”

Uthi khange kubenzima kwaye kungelula ukuba ashicilele icwecwe lakhe, uthi enye yemiceli mngeni ibikungade afumane mntu azakuthi asebenze naye kwicwecwe eli kungoko kwathabatha ixesha ukuze abe ukhupha icwecwe.

Uthi ubulela kumvelisi womculo uFundile Mdingi kwakunye neqela lakhe ngokuba bembeke kule ndawo akuyo namhlanje.