UDJ Murzek uzisa iJozi eCala

Nangona nje engumdlali wamacwecwe (DJ) oselula ngeminyaka eCala uDJ Murzek ibengowokuqala ukuvelisa uDJ olibhinqa kule dolophu nowaziwa njengo DJ Amissh. UZolani Yeko, igama lakhe lenkobe, noneminyaka engamashumi amabini anesithathu, yinzalelwane yaseLady Frere esele izinze eCala.

UDJ Murzek uthi zange akuyele esikolweni ukuba ngu DJ nokuvelisa umculo yabaluthando lwakhe kuphela elimbeke kwelinqanaba akulo.

Ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa malunga nokwamenza wazibhaqa sele ejuxuzisa abathandi bomculo we-House uMurzek uthe: “Ndakhuthazwa kukubona uDJ Soso waseCala ngo 2010 edlala eClub La Gilda, ndawuthanda lo mculo nendlela enza ngayo, kodwa oyena mntu wandifundisa udlala ngu Dj Khustar, owaziwa njenge Deep house Maestro”. UDj Murzek osele esebenza namagqala ooDJ eCala neziphaluka afana nooDj Abza, CLG, DJ Deay no-DJ Khustar wenze imbali kummandla we Chris Hani ngokuvelisa ibhinqa lokuqala elingu DJ elaziwa njengo Dj Amish (Amanda Ganyaza) obhexesha inkqubo yamanina kwisikhululo iVukani Fm eCala.

“Funeka bazi abantu ukuba izinto ezenziwa eRhawutini ziyenzeka nakwii ndawo ezifana ne Cala ezingajongelwanga ntweni, sifuna iJozi ibese Cala kwaye senza konke esinako ukuqinisekisa oko, “ utshilo * Dj Murzek.

Lo DJ waziwa kakhulu naseMerinho eKhowa apho adla ngokwenza adume ngazo, kwa Ntsikelelo eLady Frere, kwa Blaza ebisayakwaziwa njenge Club 40 kanti ngooLwezihlanu uqala impela veki malanga kwisikhululo iVukani Fm eCala. “Ndiyazingca ngomsebenzi wam kuba sendivelise no DJ Gugs, * Gugulethu ngaphandle ko DJ Amish, kwaye ndikwayinxalenye yeqela loo DJ base Cala neziphaluka elaziwa njenge D.E.P Crew neliphantsi ko Deay osele osebenza kwicandelo lezoshishino kumaspala wase Sakhisizwe”.