UDlamini usombulula iingxaki zamantombazana eNgqushwa

Amantombazanana aphakathi kweshumi elinesithathu ukuya kwishumi elinesithoba aseNgqushwa azakube edibanise iintloko kwakunye nomphathiswa wophuhliso lwentlalo yoluntu kuzwelonke uBathabile Dlamini ngale ntsasa kwibala elaziwa ngokuba yiPeddie Extension, phantsi komasipala wala mmandla ubambisene nomasipala ombaxa i-Amathole.

UDlamini uzakube ejolisa ngqo kwiingxaki ezijongana nabantwana abangamantombazana abakhulelwa besebancinci.

Utyelelo lomphathiswa lulandelela emva kwembizo eyayibanjwe ngabahlali bala mmandla kwakunye neli sebe, abazali bevakalisa ngenxalabo yokonyuka kwezinga lokukhulelwa kwabantwana besebencinci kula mmandla.

ULumka Oliphant othethela eli sebe uthi, konke oku kukhokelela ekusetyenzisweni kweziyobisi gwenxa kula mmandla nto leyo iphela bengasebenzisanga zikhuseli xa besenza isondo.

“Iingxelo zithi, njengoko bengekakulungeli ukubangabazali bebanabantwana besebancicni, abakwenzayo bawashiya nomhakhulu babo, amasana abo bayokutshutshisa imali yesibonelelo sezintsana, igranti. Ezinye zezinto ezaphakanyiswayo kwimbizo, lulwaphulo mthetho oluphezulu, ukuswela umsebenzi kolutsha, ukungabinamanzi kwanokungabikho kweemoto ezithutha abantwana ukuya esikolweni, zezinye zezinto azothetha ngazo namhlanje uDlamini,” utshilo uOliphant.

abongile.ginya@inl.co.za