UDlamini-Zuma kumarhe okushiya i-AU

Ayakhula amarhe okuba angahle ashiye esikhundleni sakhe uNkosazana Dlamini-Zuma njengosihlalo wekomishoni yembumba yamazwe ase-Afrika (African Union [AU] Commision).

Onokrawuzana bathi oku kungahle kwenzeke kanye ngexesha kuzakuba kuphela ixesha lesiqingatha sakhe sokuqala sokukhokela le komishoni kwinyanga kaJulayi walo nyaka.

Le ngxelo ithi, lo kaDlamini Zuma uzakudedela umphathiswa wesebe lezangaphandle kwilizwe lase-Algeria uRamtane Lamamra nokhe wasebenza njengomkomishinala woxolo nokhuseleko kwi-AU.

Okuqinisekisa oku kukuba lo kaLamamra sele eqalisile ukukhankasa ekhankasela esi sihlalo sikaDlamini-Zuma, lo gama yena uDlamini-Zuma engabonakalisi mdla wakukhankasa.

Ukantu kuLwesithathu ogqithileyo lo kaLamamra uziphikile iingxelo zokuba uyaduntsuza ekhangela amathuba okungena kwesi sikhundla.

“Wayeke amarhe la aqhubeke,” utshilo uLamamra ngethuba ebethetha kwikomkhulu lalo mbutho e-Addis Ababa.

Elinye icala kwezingx elo zithi lo kaDlamini-Zuma unyeke okuthile kwimeko yezopolotiko kweli loMzantsi Afrika, kwaye ukushiya kwi-AU kuyakuwanabisa amathuba akhe.

Lo kaDlamini-Zuma utyholwa ukuba uneenjongo zokuphosa igama lakhe xa umbutho olawulayo kweli i-ANC usiya kwinkomfa yokonyula inkokeli. Isivumelwano sengqesho sikaDlamini-Zuma siyaphelelwa ngenyanga ka- Julayi walo nyaka, iimpawu eziphambili zezo zokuba akanamdla wokuphinda aqhubeke nalo msebenzi.

UDlamini Zuma ungene ngonyaka ka2012 kwesi sikhundla ebetha uJean Ping emva kokufumana inkxaso kuninzi lamazwe ase-Afrika.

Abahlalutyi bezokhuseleko bathi uLamamra angahle afumane imiqobo yomgaqo-siseko kwilinge lakhe lokungena endaweni kaDlamini-Zuma.

Umqaqo siseko walo mbutho avumeli nalinye ilungu ukuba lisebenze izihlandlo ezingaphezu kwesibini kula komishini.

Iinkokeli ze-AU zidibene e-Addis Ababa ukusukela ngoLwesithathu kwindibano yeqoqo eliphezulu lalo mbutho.