UDlamini-Zuma uthi oomama mabakhuselwe

UNkosazana Dlamini-Zuma efota namalungu e-ANC eFingo Village eRhini ngeNelson Mandela Day 2017UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

OGACELE isikhundla sobuMongameli beANC, uGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma, uchithe iintsuku ezimbini ekhenketha kwisixeko saseBhayi naseRhini kule veki, ngeenjongo zokukhulisa imbonakalo yakhe nanjengoko zifinyeziwe iinyanga ukuya kwinkomfa yeANC kazwelonke.

Kolu tyelelo, uDlamini-Zuma, obesakuba ngusihlalo wekomishini yeManyano yaseAfrika, ebephelekwa nguAndile Lungisa ongumxhasi omkhulu kaMongameli Jacob Zuma.

NgoMvulo, uDlamini-Zuma ebeseBhayi apho ebengena umzi nomzi kwaWadi 12, eNelson Mandela Bay. Emva kokungena umzi nomzi, uDlamini-Zuma ubambe indibano noluntu kwiholo yoluntu eMalabar, esiva iingxaki zabahlali.

Uphume apho waya eRhini apho athe wabamba isifundo sasesidlangalaleni kwiYunivesithi iRhodes, ethetha ngomgqaliselo ka2063 weManyano yaseAfrika.

Emva kwaseRhodes, uDlamini-Zuma utyelele isibhedlele iTemba eRhini ebona izigulane.

Ugqibelise ngokuya eFingo Village kumzi wejoni loMkhonto Wesizwe, uSindile Moyiikwa, obhubhe kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

“Kufuneka sithande ilizwe lethu futhi sithandane singabantu baseMzantsi Afrika. Utat’ uMandela wasifundisa ukuba sithandane singabantu belizwe, sithande abantwana futhi sikhusele oomama nabantwana babo.

“Ulutsha lungafunda kwiimfundiso zikaMandela ngokuthi luzixhobise ngezakhono ukuze luthabathe inxaxheba kuqoqosho lwelizwe. Ukuze silwe nendlala nentswelo-ngqesho, kufuneka ukuba ulutsha lwethu lubenezakhono,” utshilo uDlamini-Zuma.

UDlamini-Zuma ukwatyibeke uMoyikwa esithi liqhawe loMzantsi Afrika, elidlale igalelo kwinkululeko yelizwe.

UMoyikwa uzakungcwatywa ngoMgqibelo eRhini. Ugxa wakhe kuMkhonto uMfundisi, Nkosinathi Ngesi, uthi uMoyikwa wazibandakanya neANC ngethuba eseBhayi, emva koko wabhacela eAngola. Wafumana uqeqesho lobujoni eRussia.

“Ngomnye wamajoni awayekrelekrele kakhulu, ezinikele kumzabalazo welizwe. Ukubuya kwakhe elubhacweni ngo1993, wabuya wasebenza kwiSouth African National Defence Force,” utshilo uNgesi.