UDLELW’ INDLAL’ UBHODL’ INGQAKA

Yiyekeni imbongi iqhaqh’amabholo, Yiyeken’imbong’ibhodloz’amagqub’asekhusini, Mayisizobele imizobo bazobozeke abantu, Dubul’ukhephuza kwedini ilanga litshonile, Yiyekeni imbong’itshile ngobuciko idlale ngamagama, Imbongi isebenza ngomoya lwamanyange nemilowo , Inikw’amandla ngontyontyelwa , Isazela sayo sisebenza ngasandla yakugxekwa , Ishukunyiswa likhwele nehlombe, Ekubhalayo kambe nekuthethayo kuququzelelwa yingqondo kukhatshwe yintliziyo, Imbongi sisithunywa nomthuthuzeli, Ikwangumgxeki nomgxobhi , Imbongi ingaba liqaba, igqobhoka okanye isifundiswa; Imbongi isebenza ngesiphiwo sayo esivela kuMvelingqangi, Kunzim’uty’inyama nexhalaga kuba lintlantlatha amanqatha, Kazi izihlunu zisalela bani?

Siyamfamza ebumnyameni kodwa kuthiwa sanikw’ukhanyo, Imbongi ngumthunuki nomvuseleli wamanxeba kungako igxekwa, Imbongi nguMonwabisi noMvuyisi, Inobuciko nobuhlakani bokuhlela amazwi , Inobuqhophololo nobuqhijili bokudlala ngamagama , Ivisa uluntu ubuncwane bomyalezo ngezikweko, Ilujij’ulwimi ilupheqe ngemfanozandi, Igxek’incumile ,incom’ivathinja Nob’ungayigxeka ngekhe usoxuth’isiphiwo sayo, Nongayithandi uyakude ayithande, Ibingazuthandwa ngumntu wonk’ayomali.

Isidanga sembongi bubugagu nobuciko, Ikuzobela umfanekiso-ngqondweni isale intliziyo kalova ilambatha, Isingqi, umngqungqo, ubugagu nobuciko Mawethu imbongi izindlebe nomlomo wabantu, Yakuv’amantyontyelo iba nehlombe nangakumbi; Ikwanguye nomondli weembedlenge, Iimbedlenge ezinxanelwe ulwazi, Iimbedlenge ezingenabani wokuzityebisela ngolwenkobe ulwimi, Imbongi ayisosinxibo koko ngumyalezo; Emva phaya imbongi yomthonyama yayihlotyiswa ngesidlokolo , Isidlokolo esenziwe ngesikhumba semfene, Bhodl’ingqaka kwedini uty’amas’entsengwanekazi, Intloya yeyama-athalala nama ethe-ethe.

Imbongi inenjezu namatshamba, Inkangeleko yangaphandle ayiqaqambisi ingaphakathi lembongi, Idubul’amagqub’asekhusini etshatshalazeni, Ichambuz’amathumb’anobuhlung’ihleka; Ixobul’amatyal’omphefumlo ngomgqala; Yonek’amagqugul’asebumnyameni; Inkcenkceshel’ingqondo eyomileyo, Isez’umphefumlo onxaniweyo nolambileyo, Ithunuk’izilonda esezibuphola nezirhawukileyo, Iqhaqha amabhol’iwadandalazise elubala.

Imbongi yosiba itshawuza ngosiba lwayo kumnquba wesihobe; Imbongi yomthonyama igragrama ingqungqe, yakh’amaxhaka phambi kwezihlwele; Idlala ngephimbo layo kudilik’intaba, Xa yigqub’imbongi kunyibilik’ikhephu kwintaba zokhahlamba , Imbongi nguMthulisi ikwanguye noMyolisi, Ziyeken’imbongi zizonwabele azinatyala, Imbongi yimbongi noba ibonge ngantoni, Umfanekiso ozotywe yimbongi ushiy’umzila, Yint’echambuza amathumb’aqunungeleyo ngengqamb’okanye ngosiba, Ngendisithi imbongi nguzondwa-zintshaba ntonje ndoyik’ingqumbo yamathile.

Le nt’iyinkuleko yint’enjani xa ulwimi lwethu lizakuqhotyoshwa ngamatyathanga obukhoboka? Yekani imbongi ithethe nangantoni na ephantsi kwelanga, Kub’ingumlomo kwabo bangakwazi kuzithethela, Imbongi iyitheth’inyani ihleka , Imbongi ilithunuk’inxeb’inoncumo , Ingathiml’ithintithe ibhodle yazini kuyonakala , Igqweth’ingqondo zodyakalashe bawubhud’umhlola, Mayiyekw’imbongi ingusomlomo woluntu, Ibhodloza amagqub’asekhusini kushuk’imizazela, Sikhululw’izandla nenyawo saqhogw’imilomo nengqondo, Makangadlelw’indlala uBhodl’ingqaka.