Udlwengule uBhishophu: Kutsho ixhoba

“Uthi umntwana uBhishophu wamlandela esiya kuhlamba wangena egumbini wamyalela ukuba alale ebhedini akhulule waze wamdlwengula”.

Oku kuthethwa ngunina wentwazana eminyaka elishumi yaseQhetho eNgqushwa elixhoba lokudlwengulwa nguBhishophu wenkonzo iSpiritual Christian Zion Church uMsokoli Mosi. Umama wexhoba uthi le Bhishophu sisihlobo sekhaya, ngumntu ebebemthembile, bemthatha njengotata.

“Ndidane kakhulu yile nto yenziwe ngulo Bhishopu, mna andikhonzi kule nkonzo yakhe, kodwa umntwana lo wam ebeyithanda le nkonzo yalo tata ekhonza khona,”utshilo unina wexhoba.

Esi siganeko sokudlwengulwa kwalo mntwana senzeke ngenyanga yeDwarha kulo nyaka, waza woyika umntwana ukuchaza ekhayeni.

“Lo Bhishophu ufike ababantwana bezidlalela amakhasi, wadlala nabo, wacela itshomi yakhe ukuba ime emnyango igade abantu logama yena engena kweligumbi belinexhoba,” uqhube watsho unina wexhoba.

Ingxelo kagqirha iqinisekise ukuba ngenene udlwengulwe umntwana, utshilo unina.

Ingxelo ithi le Bhishophu ayiyo yokuqala kwiinkokeli zela bandla ukwenza isikizi elikumila kunje, umfundisi weli bandla uThulani Nxali kulindeleke ukuba avele enkundleni ephakamileyo yaseBhisho kwiveki ezayo kwangezityholo zodlwengulo.

Ingxelo ithi asemaninzi amatyala odlengulo angaxelwayo luluntu, ingakumbi zintsapho zamaxhoba kweli.

Le nkokheli kudizwa ukuba ifune ukuphumela kwitshomi yexhoba kamva.

“Bathi ababantwana uBhishophu uxelele lo wesibini umntwana ukuba makangene ekamereni ukuze alale naye, kodwa akavumanga koko uphume wabaleka,” uthethe oko umama wexhoba.

Lo mama uthi itshomi yentombi yakhe ifike ngaminazana ithile ibaleka isithi ileqwa nguBhishophu esithi ihamba ithetha ngegama lakhe.

“Sibuzile ke mna nomama ongumelwane wam ukuba yintoni le ayithethe ngoBhishophu yena wasixelela ukuba uBhishophu wadlengula umntwana wam, siyazi ngolohlobo le ntlekele,”utsho.

Kutyelelo lakhe kula ngingqi yaseNgqushwa ekuqaleni kwalonyaka usekela umphathiswa wesebe logutyulo lelindle namanzi uPam Tshwete wakhupha ingxelo zokuba landawo ihamba phambili kwiziganeko zodlwengulo.

Ingxelo ithi zingamashumi amane anesithathu iziganeko zodlengulo ezichazwe emapoliseni eNgqushwa kunyaka ka 2016. Ngo-2015 bebengamashumi amahlanu anesibhozo abantu abathe badlwengulwa kwingingqi yaseNgqushwa.

Ixhoba lixelele unina ukuba beliqala ukudlwengulwa yile ndoda.

UMosi ebevele enkundleni eNgqushwa ngomhla wesithandathu kule nyanga ngenjongo zokufaka isicelo sebheyile ityala lakhe limiselwe umhla wesibhozo kule nyanga.

Amalungu osapho lukaMosi awavumanga ukuthetha ngesi siganeko.

siyabulela.mqikela@inl.co.za